‘Umfazi katata wam wandigxotha ekhaya’

UThozama Madyungu waseZwelitsha eQonce uphila ebugxwayibeni kwaye utyhola inkosikazi katata wakhe ongasekhoyo ngokumgxotha kokwaboUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UThozama Madyungu (42) ongumhlali waseZwelitsha eZone 4 nosebenzisa isitulo esinamavili, uthi ukusukela ngo2004 emveni kokusweleka kukatata wakhe akazange wafumana ntlalo intle.

Konke oku kulandela ekubeni umama owayetshate notata wakhe wamgxotha ekhayeni lakhe emva kokuba eswelekile utata wakhe.

“Waye wathi iphelile into ibisidibanisa kwaye umntu makazibonele ukuba makathini, yasothusa ke le nto ngokuba wayengabonakali njengomntu ongasifuniyo,” utshilo uMadyungu.

Uthi nanjengokuba abanye abantwana bakowabo bezihlalela emizini yabo, uye wasala eyilwela le ndlu katata wakhe ngokuba naye uselungelweni layo.

“Kudala ndiyizulela le nto ndisebenzisa le mali yam yesibonelelo, kwaye ndiyasokola nokufumana isitulo esikwisimo esifanelekileyo.”

UMadyungu uthi nanjengoko ehlala kwityotyombe awalifumana nzima, kuye kube nzima nokuba aphume aye kwindlu yangasese ngenxa yesimo sale ndawo kwaye akanawo nombane.

“Ukuze ndiye ngasese kufuneka ndibhatale umntu mihla le, inzima ke lo nto ngokuba le mali ndixhomekeke kuyo yodwa.”

Uye woleka ngelithi eli tyotyombe liyanetha kwaye uziva engakhuselekanga kulo.

“Ukuba ikhona indlela endinokufumana ngayo uncedo ndingayivuyela kakhulu ngokuba akekho umntu ondincedisayo kwaye andiyazi ukuba mandibheke ngaphi,” ugqibezele ngelitshoyo uMadyungu.

Isithethi seSebe lezokuHlaliswa koLuntu, uNozandile Mhlola, sithi eli sebe lisebenzisana ngokusondeleneyo nooCeba, ngoko xa lingakhange lixelelwe ngeemeko ezithile liye lingakwazi ukukhawulelana nezinye iingxaki.

“Siza kuzama ukuyiqwalasela le meko ukuze sikwazi ukulungisa indlu yethutyana logama engekafumani ndlu,” utshilo uMhlola.

isibhalo@inl.co.za