UBoniswa Cangci waseZwelitsha eQonce uthi waliphupha elele ichiza lokunyanga abakhwetha, kodwa ngenxa yokujongelwa phantsi kwamanina akakwazi kuwenza lo msebenzi.
“Utata wayeligqirha, wayenyanga kakhulu abakhwetha abanezigulo zasebakhwetheni, wayexuba izinto ezithile enze iyeza bephila abakhwetha, wayelifihla iyeza awayelisebenzisa, kodwa mna ndaliphupha,” uthethe watsho uCangci.
Uthi emva kokuphupha kwakhe eli yeza lisetyenziswa nguyise uLiwele Cangci, wambuza ukuba angakwazi kusinina ukuba likhankatha.
“Ndaboniswa zonke ezi zinto azixubayo, nendlela yokulisebenzisa xa umkhwetha enengxaki, ndandifunda ibanga lesine ngaloo nyaka, andinakulichaza mntwini, alixelwa kaloku iyeza,” uthethe watsho uCangci.
Eli nenekazi likhe lasebenza kwisibhedlele saseGrey eQonce, nalapho athi wayezibona elifumana ithuba lokuthetha nabakhwetha abalele esibhedlele.
“Ngendlela nje endingayaziyo bendizibona ndingenile kwigumbi labakhwetha nangona kwakungavumelekanga, inditye intlungu yokwazi ukuba ndinalo ichiza elinokwenza ukuba bohlukane nokulala esibhedlele abakhwetha,” utsho uCangci.
UGqirha Nokuzola Mndende uthi kudala abantu bephupha izinto ezincedayo, kodwa azinikwa thuba lokuba zijike isiko okanye zidelele isiNtu.
“Anokukwenza kukuba axelele amadoda kwindawo le ahlala kuyo, awanike iyeza xa kukho ingxaki ayekusebenza lowo unengxaki, abasokuze bayazi ukuba udibanise ntoni nantoni, kodwa umguli uza kuncedwa yena,” utsho uMndende.
Inkosikazi yeKomkhulu lamaMbombo eNgqushwa, uNosiseko Ngqika, uthi akulula ukuthatha isigqibo ngeyona nto inokwenzeka kwimeko enje ngale.
“Umntu omhlophe, njengegqirha angathunywa nantoni, kodwa xa sithetha ngesiko lokwaluka sithetha ngenye into, eli lisiko ekumele ukuba silihloniphe singoomama, asinakuvuma ukuba umntu ongumama angene esuthwini,” uthethe watsho uNgqika.
Uthi ukuba le nkosikazi inolwazi okanye uncedo enokulenza esuthwini, imele ukuba lo nto ichwechwiswe ngabantu bekhaya, utshilo uNgqika.
IMpuma Koloni sele inebala elibi ngenxa yamanani wabakhwetha ababhubha minyaka le xa kufike ixesha lokwaluka.
Ngexesha lasebusika kulo nyaka ngabakhwetha abangamashumi amabini ananye ababhubhe esuthwini kwiMpuma Koloni kuphela.
Rhoqo xa kufike ixesha lokwaluka kwabakhwetha, urhulumente ngendibanisela yamasebe ukhupha imali engaphezu kwamashumi amabini ezigidi zeerandi kuqeshwa iinqwelo zokuhambela iindawo zokugcina abakhwetha, ukusebenza ixesha eligqithileyo kwabasebenzi nezinye.
Amasiko nezithethe zeli zifundise uluntu ukuba amadoda ngawo kuphela anegunya kwisiko lokwaluka nangona sele lambethwe ziingxaki ezibonisa ubutyhifilili bamadoda.
IiNkosi, amagosa karhulumente neenkokheli zamanina nezopolitiko, zisoloko zisitsho ukuba kukho imfuneko yokuba amanina anikwe ithuba.
Usihlalo wekomishini ejongene nokuphakanyiswa kweelwimi, amasiko nezithethe uThoko Mkhwanazi-Xaluva uyakungqina oku.
“Ikho imfuneko yokuba isiko lihlonitshwe, kodwa iindlela ezintsha zokugcina isidima salo mazinikwe ithuba,” watsho uMkhwanazi-Xaluva.
UCangci uthi angawenza lo msebenzi xa esebenzisana kakuhle nabantu bekhaya.
“Iphupha lam lithi ndim notata womntwana, nomntwana abamele ukuba babekhona xa sisenza lo msebenzi wokuphilisa umntwana,” uthethe watsho uCangci.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo