Umfoti waseGqeberha neshishini lakhe

UMlungisi Busakwe ngumfoti

Umfoti waseGqeberha uMlungisi Busakwe ominyaka engama29 uziqhubela ishishini eliyimpumelelo kumbindi wesixeko sale dolophu.

Ngomnyaka wama2015, uBusakwe waziqalela inkampani yakhe ebizwa ngokuba yiBook of Ben, waze wafumana inkxaso encumisayo engamawaka angamashumi amahlanu kumbutho iNational Youth Development Agency (NYDA).

“Olu ncedo luvele kanye ngexesha kuvalwe ilizwe ngo2020 . Ndathenga izixhobo zale mihla zokufota ukuqinisekisa ukuba ndenza umsebenzi omhle,” utshilo uBusakwe.

UBusakwe usebenze nzima ukuphucula isakhono. Waqala ukufota ngokuthatha imifanekiso yabantu, izilwanyana, indalo neentshukumo ekuhlaleni.

UBusakwe uthi ukuba ngumfoti ngelilixa kusetyenziswa ngalo ubuxhakaxhaka beteknoloji lucelomngeni kodwa kukwaveza intaphane yamathuba. Ishishini lakhe liqwalasela imisitho, imitshato, imingcwabo kunye nayo into acinga ukuba ifuna ukugcinelwa ixa elizayo

“Le misitho yenzeka oko kwaye abantu basoloko befuna ukufotwa ngaxeshanye nto leyo indigcina ndimanxadanxada,” utsho uBusakwe.

UBusakwe ukholelwa ekubeni ukufota kunika ubani amathuba amaninzi okwenza ingeniso ingakumbi xa lowo ekwazi ukucinga ngendlela ebanzi ekwaneliso elibukhali. Ucebisa abafoti abasakhasayo ukuba benze izicwangciso kusekutsha, bazithengele izixhobo ezilungele umsebenzi njengoko umsebenzi wokufota uthande ukuthathelwa indawo ziifowuni.

Uthi amaqonga onxibelelwano zindawo ezilungileyo zokulanyazisa imisebenzi yomfoti ngamnye kwaye lo nto ibabizela umsebenzi ongakumbi, kwaye lo nto ifuna umfoti ahlale ethe qwa kwaye asebenze ngobuchule nentlakanipho.

“Abantu bakunika imbeko xa bebona ukuba uwenza ngononelelo umsebenzi wakho. Imisebenzi emihle iyabukwa kwaye yenza abantu abangakumbi ukuba bafune wena xa kukho iziyunguma,” uqukumbela atsho uBusakwe.

Ukuba ufuna uncedo lokuqhuba ishishini lakho qhagamshelana neNYDA kuba inayo imali noncedo elukhuphayo kwabo bangaphantsi kweminyaka engama35. Iinkcukacha ezithe vetshe zifumane kwaNYDA ngokutyelela umnatha kwa-www.nyda.gov.za okanye ufonele kwa: 087 158 6345. Eli nqaku belipapashwe ngabakwaGCIS Vuk’uzenzele.