Umfoti wethu ufumene iwonga

Lo kaJikelo uzizuzele iwonga lokuba ngoyena mfoti othe weza nomfanekiso ophume phambili kwezemidlalo.

UJikelo wawuthatha lo mfanekiso nyakenye ngethuba kudlala i-Ajax Cape Town neGolden Arrows eKapa. Ngelo xesha ubesasebenzela phephandaba iDaily Voice. Ethetha malunga neli wonga, uJikelo uthe: “Ndonwabe kakhulu leli wonga.

Le nto iyabonisa ukuba uyanyamezela uphinde usebenze nzima – izinto ekugqibeleni zide zihambe ngale ndlela ufuna ngayo,” utshilo uJikelo.

Esi sisiqalo sephepha-ndaba lesiXhosa eMpuma Koloni kwaye kubonakalisa ukuba eli phepha-ndaba lizele oompondo-zihlanjiwe beli phondo leMpuma Koloni abachola-chola imifanekiso kwezemidlalo, ipolitiki, ezolonwabo nezinye.