Umfundi kaGrade R ofunda konke

Thobela Comrade Boyoyo

Uninzi lwabantwana abafunda uGrade 4 abakwazi ukufunda. Oku sikuchole kwingxelo ekhutshwe ngabakwaProgress International Reading Literacy Study (PIRLS) ethi ngumyinge ongange 78% wabantwana abakuGrade 4 abangakwazi ukufunda kweli laseMzantsi Afrika.

Olu phando lwenziwe nabafundi abangama-12 810 kuMzantsi Afrika jikelele; iziphumo zibonakalise ukuba uninzi alukwazi ukufunda. IsiXhosa neSipedi zezona zisilela emva; abafundi basokola mpela ukuzifunda ezi.

Ikwa ngabantwana abakwizikolo ezisezilalini nakwiilokishi ekufumaniseka ukuba bafika kuGrade 4 bengakwazi tu ukufunda.

Nangona kunjalo, kwilali eseBizana, kwisikolo iDlangezwa Senior Primary School kukho umntwana ofunda uGrade R okwazi ukufunda kwa nto ebhalwe phantsi, ingakumbi ngesiXhosa. Waziwa kakhulu ngegama lika “Comrade” kodwa elona gama lakhe nguThobela Boyoyo. Uneminyaka emihlanu, uzakugqiba owesithandathu kweyeDwarha. Sithe sakudibana naye samnika ikopi ye-I’solezwe lesiXhosa, samcela ukuba afunde inqaku lokuqala.

Nyani khange abe esokola, ungene kwinqaku likaSiyabulela Mqikela walifunda ngokungathi belibhalwe nguye: “… Ingxaki, ilizwe, lijongene, neenkokeli, ezonqena, ukuthetha, inyani…” kuwo onke la magama kungekho nelinye elimsokolisayo. Kokwabo akukho mntu ufundileyo kwaye bayamangazwa ngulo mntwana usuke aphakamise kwanto enesibhalo ayifunde ngobunjalo bayo.

“Ndifunde apha esikolweni ukufunda” utsho ekhomba iitshati zoonobumba kunye namagama esiXhosa akhatshwa yimifanekiso yawo edongeni kweli gumbi likaGrade R eliwohlokayo. Ayikwazanga ukulufihla uncumo inqununu yesi sikolo sisakuyibuza ngoThobela, “Nokuba umnika nayiphi na into ebhaliweyo uzakuyifunda * ‘Comrade’! Kukho amagama ke angoonombini, nontathu, oonone. Yena uwabetha onke!” kutsho uZamuxolo Mdatya, oyinqununu.

UMdatya uthi iNelson Mandela Institute for Rural Development and Education (NMI) ngunobangela wokuba babe kanti banomntwana okwazi ukufunda ekuGrade R.

“Phambi kokuba kubekho le nkqubo yaseNMI abantwana bebefunda oonombini noonontathu kuGrade 2, bafunde oonone kuGrade 3,” uqhube watsho.

I-NMI yasekwa ngonyaka ka-2007 kwaye izinze kwiYunivesithi iFort Hare. EBizana ikwizikolo ezintlanu, eziquka neDlangezwa le. Eli ziko lincedisana nootitshala; lifika kwisikolo lijonge ukuba zeziphi na izixhobo zokufunda abanokuzinika ootitshala nezinokuthi zenze ukufunda lula.

“Kwicala lezixhobo zokufunda, sityebile apha esikolweni; kulula ukusebenzisa ezi zeli ziko leNMI ngoba zona zicukucezwe ngohlobo lokuba zibe lula ukuzifunda nokuziqonda ebantwaneni!” kutsho uMdatya.