Umfundi oligqirha uthi ucalulwa sisikolo

Umfundi oligqirha ukhala ngokucalulwa sisikolo samabanga aphakamileyo iPalmerton eLusikisiki.

UNoluvo Matanda noneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala (25) ubudala, nowenza ibanga leshumi, uvakalise ukuba kuninzi ukucalulwa ngakuye ngamalungu esigqeba (SGB) esi sikolo.

Echaza ingxaki yakhe uNoluvo, uthe iqale ngethuba ebethwa izihlandlo ezibini yinqununu yesikolo, nalapho yambetha esandleni kwachachamba ithambo.

Emva kwalo nto, wacela le nqununu ukuba ithenge inkukhu ze imnike inyongo yayo ngenjongo yokuthambisa kule ndawo achachambe kuyo ukuxolisa isinyanya sakhe.

“Ngethuba endibetha kude kuyokufikelela ethanjeni wayengasabethi mna ndedwa, kodwa wayesele ebetha isinyanya sam uqobo lwaso sade savakalelwa. Yilo nto bendimcele ukuba athenge inkukhu silungise le ngxaki,” kutsho uMatanda.

Kodwa inqununu zange ivume ukwenza lo nto, nalapho uNoluvo avakalise ukuba wayixolela ngento eyayenzayo nangona zange iyithenge nje inkukhu.

“Eyona ngxaki inkulu ngoku ngamalungu esigqeba sekomiti yalapha, ayandicalula kakhulu kwaye inqununu ibakhona xa kusenzeka lo nto kodwa ayindincedi,” utshilo uMatanda.

Uthi bambiza ngegqirhakazi xa bethetha ngaye.

“Bendingavuya xa sinokuchithwa sonke esi sigqeba kuba kubonakala ingathi siso esilawula isikolo,” utshilo.

Ukwaveze ukuba esi sigqeba sabuza nenqununu yesi sikolo ukuba samamkela njani umntu ofana naye kuba uzakosulela abantwana babo ngobugqirha, nto leyo athe yamothusa kakhulu kuba ubugqirha abuyompuza abosuleli.

Inqununu yesi sikolo uAndile Njisane, ebuzwa ngezi zityholo zikaMatanda uthe: “Okokuqala uNoluvo ungumntwana ongafuni kulungiswa xa elahleka endleleni, kwaye andikhumbuli ecalulwa ngaphandle kokuba lo nto yenzeka ndingekho mna. Kukhona netyeli apho wayengafuni ukubizwa ngentombazana nanjengoko wayefuna ukubizwa njengomfazi, nalapho athi wamxelela ukuba esikolweni banamantombazana namakhwenkwe abanabo abafazi.”

Ebuzwa ngenkukhu ekwathiwa makayithenge uNjisane, uphendule wathi: “Sisikolo esi ngako oko akwenziwa masiko, kwaye ndamxelela ukuba angayenzela kokwabo lo nto hayi esikolweni kwaye nenkukhu yayingazkuvela kum.”

isibhalo@inl.co.za