Umfundi ubanjelwe ukubulala omnye

ABAKWANTSASANA eGeorge, banqakule umfundi ominyaka ili-17 ubudala wesikolo samabanga aphakamileyo, emva kokuhlatywa komnye umfundi wabhubha ngoMvulo.

Ongumlomo wamapolisa ala mmandla, uCaptain Malcolm Pojie, uthi esi siganeko senzeke ngaphandle kwamasango esikolo kulandela uxambuliswano phakathi kwala magatyana mabini.

Uthi eli xhoba liselula libhubhele kwiklinikhi yale ngingqi emva kokuhlatywa izihlandlo ezithathu.

Lo mrhanelwa, nongenakuthiwa pa-ha ngegama ngenxa yokuba lula kwakhe, uvele kwinkundla kamantyi waseGeorge ngoLwesithathu ngamatyala okubulala.