Umfundi onamashumi amabini eminyaka (20), waseKomani kwindawo ekuthiwa kuseZibeleni, ubhale incwadi nesikrobisa kubomi bakhe, kuquka nemiceli mngeni athe waqubisana nayo ngethuba esamkela intsimbi yakowabo yentwaso.
UZikhona Kondile ubhale incwadi nesihloko sayo sithi, Yandibhenca le ngul’ inamanyala, nengamabali amafutshane kunye nezincoko.
Kule ncwadi, le nzwakwazi negama layo lengulo inguKhanyisa, idandalazisa phandle nangokungafihlisiyo ngempatho athe wayifumana kwabo bamngqongileyo ngokuvuma kwakhe intwaso.
“Umdla wam ekubhaleni uqale ndikumabanga aphezulu esikolweni, nalapho izincoko zam zazichukumisa abaninzi. Ndithe ngokukhuthazwa ngoogxa bam, kunye neetitshala zam esikolweni ukuba ndibhale incwadi, ndabona nam kunyembelekile,” utshilo uZikhona.
Le nzwakazi ifunde amabanga aphantsi kwisikolo iVuzamanzi P.P.S, ze aphezulu wawafunda eZola B.H.S, nalapho agqibezele eBardale S.S.S eMfuleni, eNtshona Koloni. Kungoku nje le nzwakazi yenza izifundo zokuba ngumongikazi kwiYunivesithi iFort Hare, eMonti, nalapho yenza unyaka wayo wesibini.
“Ukubhala le ncwadi kundithabathe iinyanga ezimbini ngethuba ndikwiiholide zokuphela konyaka ekhaya. Kube lula kakhulu ngoba ndibhale le ncwadi ngeziganeko ekwakukudala zihleli kwiingcinga zam, nto leyo indenze ndavele ndatyatyadula, ndabe ndiyayigqiba ngolo hlobo,” utshilo uZikhona.
Esi sizukulwana sooFaku naMaZangwa sithi ibikhona imiceli mngeni phambi kokupapasha kwaso le ncwadi, nalapho ekhankanya ukunqongophala kwemali yokuhlawula umpapashi wale ncwadi. Kodwa uthi noko kunjalo, ude wanethamsanqa lokupapashelwa nguNkuthalo David Tyutulo ngexabiso elifikelelekayo, emva kokuba ihlolwe nguSipho Kekezwa simahla.
Isihloko sale ncwadi nesithi Yandibenca le ngul’ inamanyala sivele emva kokuba le nzwakazi ithe yahlukumezeka esikolweni isenza ibanga leshumi elinesibini, ngenxa yentwaso.
“Ndahlukumezeka kakhulu esikolweni de ndazibona sele ndibuncama ubomi kunye nemfundo, ngoba kuninzi yayingathi ndingumntu onukayo, nalapho abanye babede batshice xa begqitha kum. Ukanti abanye babekwazi nokuthi xa begqitha kum, nantsi le nto inezothe, nalapho isono sam ibikukwamkela intsimbi yasekhaya. Ezifundweni ndandiqhuba kakuhle, ndiphumelela, de abanye bandibiza ngegqwirha,” ucacise watsho uZikhona.
UZikhona uthi intlupheko yakhe nabaninzi imkhokelele ekubeni abhale le ncwadi, ngoba kaloku isiXhosa sithi ‘Akulahlwa mbeleko ngakufelwa’, kwaye ukwahluleka ukuzama kungcono kakhulu kunokungazami. Ukwathe la mabali akhuthazwe kukuhlukunyezwa kwakhe engenatyala, nalapho athi ‘nenja ezikhotha amanxeba ivuka ivuthulule’, njengoko naye enzile ngamandla athe wanawo okubhala le ncwadi.
Le nzwakazi ivakalise umbulelo wayo ongazenzisiyo kumpapashi wale ncwadi uNkuthalo, umhloli wencwadi uSipho Kekezwa, kuquka notshitshala wakhe obemxhasa maxa onke uJoyce Makutsoane.
“Nokuba idangatye litshisa kangakanani na, akukho nanye into eyogqitha ukunyamezela nokwanela,” uvale ngelo uZikhona.
Kwabo banomdla wokuzifundela le ncwadi, iyafumeka kumbhali wayo ngexabiso leR180 xa useMonti, ze kulowo uza kuyithunyelelwa ekude nale dolophu– ifumaneke ngeR230– kule mali kuquka naleyo yokuyithumela. Ngezinye iinkucukacha ungathumela i-imeyile: kozikhona@gmail.com, okanye umkhangele kwikhasi lonxibelelwano Facebook: Khanyisa Kondile.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?