“Eyokubhubha kukaIviwe besingekayilindeli kwaphela silusapho njengoko ibingumntwana naye obesoloko esitsho esithi ikude kuye eyokufa kuba usemncinci gqithi, kwaye esithi kusekuninzi asafuna ukwenza emhlabeni njengoko ebengumntwana obesoloko eboniswa kwaye engumntwana obehlala elinganisa xa sele esethivini kuba elo ibiluphupho lakhe.” La ngamazwi kaBabalwa Bikitsha-Kota nofana nomama kuIviwe.
UIviwe Tyalana, 16, nobesenza uGrade 11 eLamplough High eGcuwa ubhubhele kwisibhedlele saseMonti ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo emva kokunkulwa entlithekiswa nasedongeni kanobom ngabafundi ababini, oyintombazana noyinkwenkwe nabazizihlobo, ngoLwesibini ngasesikolweni sabo iLamplough. Unobangela wokude kube kuphuma umphefumlo yayiyingxabano kufacebook.
UBikitsha-Kota, ethetha neli phephandaba uthe, bebengekalindeli umphanga kaIviwe kwaye noko engakufanelanga ukubhubha oluya hlobo athe wabhubha ngalo ngonobenani onjeya.
“UIviwe ukhulele kum, ngumntwana kamzala wam. Kum ebesefana nokuba ngunyana wam, ebeboniswa kakhulu. Efuna ukufundela ukubayiNtatheli, esoloko elinganisa naxa ebukele umabonakude esithi kuseza kubukelwa yena ngenye imini. Umzekelo, ukuba ungaya kuTikTok wakhe unabalandeli, ebethandwa kakhulu. Ubekwangumntwana obethandwa nangabantu, ezithanda naye, engumntu nje wabantu, eyokubhubha kanje isasothusa nathi,” utshilo uBikitsha-Kota.
Uthi isikolo asenzanga ngako konke ukulwa ukuxhaphazana kwabafundi eLamplough. Uthi abangekalibeki kwela khaya ngabazali babantwana ababethe babulala unyana kamzala wakhe.
Uthi wafika egxiza igazi engakwazi nokuthetha ncam ngoLwesibini ukuze bambalekisele eGcuwa, eGcuwa wafika wabalekiselwa kwisibhedlele esiseMonti.
Umfundi ongafunanga kuchazwa, uthi abakwenzileyo aba bafundi babini akwamkelekanga. Lo mfundi uthi bangafane baphike kodwa babonwa ukuba ngabo ababethe uIviwe bemkalekisa edongeni. Uqhuba uthi nakufacebook bababona.
“UIviwe ebengumntwana othambileyo, othandekayo, de bacinge ukuba ugay abafundi. Uye wanengxabano nomnye kwaba babethileyo ogay kufacebook ngoLwesibini, kanti baza kubambana apha esikolweni. Noko ebengakufanelanga ukufa kanjeya. Esikufunayo singabafundi kukuba kwenziwe umzekelo babanjwe,” utshilo umfundi oziboneleyo.
UIviwe uyangcwatywa ngeCawa umhla wesihlanu kwilali iMpenduza, eMission, eGcuwa.
Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni linalo ulwazi malunga nesisehlo nangona belingekathathi anyathelo.
UBikitsha-Kota uthi ityala lavulwa kwisikhululo eGcuwa nangona nje umcuphi engekafiki kubo malunga nenkcukacha zetyala. Abafundi bayile ababini abatyolwayobayile ngoMvulo esikolweni, ngoLwesibini kuthiwa khange baye.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10