Umfundi udideke ingqondo ngenxa yoqhankqalazo olunodushe

Imigushuzo yabafundi kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika nezixholoxholo ezenzeka kuzo ngenxa yengqumbo, bekhalazela ukungami kakuhle kwezinto kubangela ukuba sibe mathidala singabantwana malunga nezemfundo kweli lizwe kuba siyaxakwa nokuba kubhekwa phambili okanye kubuywa umva.

La ngamazwi kaPhathelihle April (13) ongumfundi kwibanga lesixhenxe kwisikolo i-Isaac Booi Primary kwilokishi yaseZwide eBhayi ngethuba besibambe umsitho wesikhumbuzo solutsha (June 16) kwesi sikolo.

Le ntwazana ithi kuninzi ekufuneka bekucaciselwe ngabadala kuba izinto ezenzeka phakathi kwamasango eeyunivesithi ziyakrokrisa, sakuthi sifika thina apho kube kusenje, sizakuthini”.

“Ziitoyitoyi zantoni ezi zininzi kangaka kude kwaphulwe nezinto, kwakungaliwanga kwagqitywa na ngexesha lo- mzabalazo, abafundi abasweleka besilwela eli lizwe ingaba babe- kwenzela ilize na oko,” ubuzile.

U-April uthi kwicala labo bengabafundi bamabanga asezantsi isemininzi imiceli mngeni, enye yezo zinto kukungabikho kweencwadi needesika, okuzizitulo kona ziziqhwala nje abalindele ukuba zibonzakalise ngenye imini.

Olibambela nqununu kwesi sikolo uThembisa Dinga uthe, abafundi beli xesha abafani nabo bakudala kuba babezimisele emfundweni bada bancama ubomi babo besilwela impucuko yayo.

UBen Matyu obesisithethi kulo msitho, nongomnye wamalungu ababengabafundi ngeminyaka yoo1970, uthe isiganeko sika1976 yimbiza eyayikade iphekwa ukuqalela ngonyaka ka1974 yimibutho efana neSouth African Students Organisation (SASO) neSouth African Students Movement (SASM)

“Emva koko imizabalazo yabafundi ayizange ime ukusukela ngo 1976,” utshilo uMatyu.