Kulindeleke ukuba bajongise imibombo baye eRhini namhlanje abafundi beYunivesithi yaseWalter Sisulu abenza izifundo zokulinganisa (Drama), nalapho bazakube beyokulinganisa eqongeni ngomdlalo wabo othi “umendo”abawuqulunqe ngokunokwabo kuleyunivesithi.
Umqulunqi kwanomvelisi ophambili kwelibali * -Abongile Mfundisi onamashumi amabini anesithathu waseMdantsane nongumfundi kwizifundo zentengiso kulayunivesithi encokola nephapha-ndaba I’solezwe lesiXhosa uthi baziva bechulumance kakhulu ngokuphinda bachongwe ekubeni bayokudlala kumnyhadala wobugcisa kwakunye nenkcubeko obanjwa minyaka le eRhini kulenyanga.
“Ukuphindwa komdlalo wethu ubizwe, kubonisa ukuba noko kukhona apho iwenzayo umahluko kwaye nomsebenzi wethu uyancomeka,” utshilo uMfundisi.
Bazakube bekhwela eqongeni ngomhla wesithoba ngentsimbi yeshumi kusasa nalapho kuzakube kungenwa mahala, ze xa bephinda ngosuku olulandelayo bazakukhwela ngecala emveni kwentsimbi yesibini nalapho izakube ingamashumi amahlanu ukungena ze baliqoshelise ngomhla weshumi ebusuku umdlalo wabo othi * ”mendo” nodlala iyure yonke.
Echaza ngalomdlalo uMfundisi uthe: “Lo mdlalo ngumdlalo ohlekisayo owonwabisayo kodwa unayo nemfundiso kuba elibali limalunga nalemihla siphila kuyo ezizinto zenzekayo ziyimiceli mngeni koobhuti bethu nakoo sisi bethu. Ngabantu abatsha abangamaXhosa abatshatileyo nalapho indoda ijongene nobunzima bokwenza zonke izinto ezenziwa ngabantu basetyhini, bakufika abakulo myeni aqalise ukuphithizela ngokwakhe umfazi.”
UMfundisi uthi, ezi zinzame zokufundisa kwanokubonisa uluntu ngohlobo ekuphilwa nzima ngalo ngamanye amadoda kwimizi yabo.
Bebonke ababafundi balishumi elinesithandathu abazakuthi balingise kulomdlalo, nangona bevakalise ukubanexhala kuba besithi bazakube bedlala kumnyadala owawukhe wamkhulu waseRhini.
Nangona besithi kodwa sekunjalo bakulungiselele oku aboyikinto. Besithi bakwavuyela nethuba eli balinikwa kule festivala kuba bona besithi bayavuya kuba banikwa ithuba lokukhula kwabo.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman