Umfundi waseWSU uhlatywe wabhubha emva kwengxabano ngokusetyenziswa kwamayeza esiNtu

UMFUNDI waseWalter Sisulu University ubhubhile emva kokuhlatywa ngomnye eMonti ngoMvulo kulandela ingxabano ekuvakala ukuba iphenjelelwe kukuncithwa komnye umfundi ngokusebenzisa amayeza esiNtu.

Esi sehlo senzekele kwindawo ehlala abafundi iSt. Patrick’s Court eSouthernwood.

Isithethi samapolisa uKapteni Hazel Mqala uthi le ngxabano iqale xa omnye umfundi ebonakalise ukungayithandi eyoxelelwa ukuba usebenzisa amayeza esiNtu.

“Malunga nemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesibhozo ngokuhlwa (20h05) umfundi oneminyaka engama-24 ebecoca indlu alala kuyo ngethuba kudlula omnye umfundi oye wathi [kulo ucocayo] usebenzisa amayeza esiNtu, nongakhange ayithande lo ntetho.

“Aba bafundi babini baye baxambulisana ze balwa. Abanye abafundi bakwazile ukubanqanda ze lo mfundi obhubhileyo waya kwindlu yakhe. Lo mfundi [obetyholwa ngokusebenzisa amayeza esiNtu] uye wamlandela ephethe imela. Umfi uthathe isikere ezama ukuzikhusela. Baye baqhuba nokuxambulisana kwaye uthe umfi xa esiza ngomva kumrhanelwa, wahlatywa amanxeba amabini,” utshilo uMqala.

Emva kokumhlaba amanxeba amabini, umrhanelwa uthathe umfi wamsa esibhedlele encediswa ngomnye umfundi nalapho abhubhele khona, utshilo uMqala.

Umfundi obhubhileyo ebekunyaka wesithathu esenza izifundo zoLawulo lweMiba yezeMpangelo (Human Resources Management) logama lo obanjiweyo ebekunyaka wesithathu kwizifundo zobunjineli (Mechanical).

Isithethi saseWSU, uYonela Tukwayo, usikhalimele esi senzo sodushe.

AbeWSU bathi baza kutyelela ikhaya lexhoba ukujonga ukuba banganikeza uncedo olunjani. Le yunivesithi ikwalungise nenkqubo yothuthuzelo lomphefumlo kubafundi abachaphazeleke kwesi sehlo.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yaseMonti ngoLwesithathu.