Umfundi waseWSU uwe kwisakhiwo sesikolo

Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu eMonti bavakalise inkxalabo yabo emva kweengxelo zokubhubha komfundi waseWSU kulandela ukuwa kwakhe kwisakhiwo sendawo yokuhlala abafundi.

Lo mfundi uwe kumgangatho wesine kwisakhiwo esihlala abafundi bale yunivesithi esiseSouthernwood eMonti.

Umfundi ozibonele ngamehlo eli sikizi noxelele iphephandaba I’solezwe lesiXhosa utyhole ukubola kwamaplanga kwesi sakhiwo njengonobangela.

Noxa nje iingxelo zokubhubha kwalo mfundi bezingekaqinisekiswa yiWSU, abafundi bale yunivesithi kwanesizalwane salo mfundi bathi ubhubhile.

Isithethi saseWSU uYonela Tukwayo uthe: “Siva amabali awohlukeneyo, okwangoku amapolisa ayaphanda, ziziphumo zophando eziyakusinika eyona ngxelo iyiyo.”

UTukwayo uthi lo mfundi uye wabalekiselwa kwisibhedlele iSt Dominics emva kwale ngozi, waze wadluliselwa eFrere.

Ukwavakalise ukuzisola kwale yunivesithi ngengozi eyehlele lo mfundi kumasango ayo, waqwela ngelithi lomcimbi usezandlerni zamapolisa.

johnnie.isaac@inl.co.za