UMfundis’ Oyinkathazo uqokelela ubomi bakhe

EBESAZIWA njenge-Accountant edada etywaleni nebiphakathi komsi weziyobisi, kodwa ngoku uliqhula elingcono nelibuqokeleleyo ubomi balo.

UXolisa Nkathazo okanye uSir Nka kubathandi bakhe, uyazazi iinduma zobomi nanjengoko ebetheke macala phantse onke.

UNkathazo, nowaziwa njengeqhula kwiqonga lolonwabo kule mihla, uchubele I’solezwe ngobomi bakhe botywala, iziyobisi, de azibone ephila nenkubazeko yokuphanyaka amehlo. Ixesha elininzi uchithe ubomi bakhe elala kwiigaraji, kwiindawo zentselo kwaye elahlekelwa nayimisebenzi ebenayo.

“Ebomini bam ndihlangene nokusela utywala kakhulu, nto leyo endichithele ubomi ngamandla,” uyabalisa. UNkathazo uthi ngenxa yobuzaza bengxaki yakhe, uye kasixhenxe kwiindawo zokulumla utywala neziyobisi.

Uthi kwezi ndawo ebephuma nolwazi olunokumenza umntu ongcono, kodwa kunzima ukunqoba umkhwa wokuzintyintya ngotywala.

“Bendikwazi ukulala kwiigaraji kuba kuvaliwe kwiindawo zentselo ndilinde apho ixesha lokuvula.” UNkathazo uthi ingxaki apho ikhoyo ibikukungazithembi.

“Ndikhule ndingumntwana othuleyo, obhalayo xa efuna ukuthetha, osizelekayo nocingelwa ngabanye abantu.

Oku kundenze andazazi ukuba ndifuna ntoni kanye apha ebomini,” kubalisa uNkathazo. Uthi wayengalahlekananga nje nesidima sakhe, kodwa wayelahlekene nosapho lwakhe.

“Ndiphulukene nexesha, ubudlelwane nosapho nezihlobo, igama lam kunye nemfundo yam.” Eli qhula, nelazalelwa eBhayi laze lakhulela eQonce, lenze izifundo zeB. Com kwiYunivesithi yaseBhayi.

UNkathazo, ngomnye wamaqhula aphila nokukhubazeka eMpuma Koloni. Waye wahlaselwa sisifo se-Glucoma, nesamshiya ebona luzizi.

Uthi oku kubutshintshe ngeendlela ezithile ubomi bakhe. Akufika kwisikhululo sasekuhlaleni iZwi Lethemba, kulapho wazazi khona ukuba uliqhula.

“Abantu bathanda indlela endiyiyo nendihlekisa ngayo xa ndisemoyeni,” kubalisa uSir Nka. Lo tata wabantwana ababini, okwaziwa njengoMfundisi Oyinkathazo, ukhe wawongwa ngembasa kwiBEAT Magazine Awards kunyaka ophelileyo.

UNkathazo uthathe inxaxheba njengeqhula kumaqonga afana ne-99% Xhosa Comedy, kwiiECMAs namanye aliqela. Uzakube esungula umboniso wakhe wokuqala wamaqhula ePenuel Bible Church eMonti ngomhla we-24 kweyeSilimela.

Lo mboniso, uzakube uquka namanye amaqhula aphila nenkubazeko. Amatikiti afumaneka eAmalinda Chesa Nyama, Webba ose-Oxford, eZwi Lethemba nge-R50 abantwana neR100 ebantwini abadala.

Ungancokola noNkathazo kwinombolo engu-060 327 9128 okanye kuFacebook “uMfundisi Oyinkathazo”.