Inkundla kamantyi yasePalm Ridge inike ozibiza ngokuba ngumprofeti, uPaseka ‘Mboro’ Motsoeneng, ibheyile yeR3000 ngelixa unogada wakhe, uClement Baloyi, ekhululwe ngesilumkiso.
Esi sibini sinesithuba esingangenyanga eluvalelweni kulandela ukubanjwa kwabo ngesehlo esenzeke kwisikolo samabanga aphantsi iMatsediso eKatlehong. Unyana kaMfundisi Mboro, uVincent Motsoeneng, wakhululwa ngesilumkiso xa bonke befaka isicelo sebheyile emva kokubanjwa kwabo ekuqaleni kwenyanga yeThupha.
Lo Mfundisi wodumo noBaloyi bakhululwe ngemiqathango engqongqo yebheyile. Oku kuquka ukunganxibelelani namangqina eli tyala, kwaye abavumelekanga ukungena kwisikolo samabanga aphantsi apho senzeke khona esi sehlo.
Ethetha noonondaba ngaphandle kwenkundla, uMfundisi Mboro ubalise okwenzeka kwisikolo samabanga aphantsi. Uvumile ukuba wayephethe umpu ongeyonyani kunye noocelembe kodwa uthi iinjongo zakhe yayingekokwenzakalisa nabani na kodwa wayesoyikisa nje.
“Kumele babulele ukuba ndingumprofeti, ngendibanqunqile. Kodwa entliziyweni yam bendithandazela ukuba bangasondeli, kwaye bangaqapheli ukuba ndiyabaqwebisela,” utshilo ngethuba ethetha noonondaba.
UMfundisi Mboro kunye nabo atyholwa nabo bajongene namatyala aquka, ukuxhwila, ukuba nompu ongenampepha-mvume, ukudubula umpu, ukubetha kunye nokonakalisa impahla.
Inkundla ilihlehlisele umhla wama21 kweyeDwarha 2024 eli tyala.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10