UMfundisi obezithandazela ehlathini ubhaqe umzimba wenkosikazi!

Amapolisa aseBhayi abongoza kuluntu lwala mmandla ekubeni luyokufanisa umzimba wenkosikazi oqikilelwa kumashumi amabini eminyaka ubudala obhaqwe sele udada ngaphezulu kwichibi lamanzi eWest End eBethelsdorp.

Lo mzimba ubhaqwe kuLwesine weveki ephelileyo, ubhaqwa kusasa nguMfundisi obeyokuzithandazela njengesiqhelo kwindawo yakhe.

Ingxelo ithi uMfundisi lo uqaphele nto kweli chibi, ecinga ukuba yikhadibhodi, xa esondela wafika ingumzimba wowasetyhini ohamba ngaze nobotshelelwe izandla kwakunye neenyawo. Yabe intloko yakhe ibhijelwe ngetawuli. Bekukwakho nomsesane kumnwe womtshato kwaye enawo nomzobo (tattoo) kumlenze wasekunene obhalwe Shelaini okanye Helain.

 UCol Priscilla Naidu uthi le nkosikazi ifunyenwe ingenawo amanxeba nangona nje kusalindwe iziphumo zoqhaqho lwesidumbu.

Kufutshane nayo kuye kwafunyanwa negawuni embala opinki. Umzimba wexhoba wakhutshwa ngamapolisa ohlangulo kaK9 aseBhayi. 

Amapolisa alivulile ityala lokubulala kwaye ayaphanda ekwabongoza kuluntu ekubeni luyokufanisa lo mzimba okanye lowo unolwazi ngokubulawa kwale nkosikazi ancedisane namapolisa. 

UNaidu uthi onolwazi ngomrhanelwa angatsalela uSajini Thandiswa Nobebe nongumcuphi weli tyala ku-041 404 3005. Igama lakho wena utsalele amapolisa liza kukhuseleka ngokokutsho kwamapolisa.