UMfundisi uza kutyela iKrisimesi eziseleni!

UMbongiseni Pakade (45) onguMfundisi webandla elaziwayo eMaxesibeni, iGod’s Power Family Church, uza kutyela ngaphakathi eziseleni iKrisimesi emva kokuba exelele inkundla yala mmandla ukuba akakayifuni ibheyile.

Lo nyawontle ujongene netyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ekwangumhlobo womntwana wakhe.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA kwingingqi yaseMthatha neziphaluka uLuxolo Tyali, ithi uPakade ubanjwe ngomhla wokuqala kule nyanga sikuyo.

Ubanjwe emva kokuba ixhoba liphalaze imbilini kutitshala walo xa belibuzwa ukuba litheni lingasaqhubi kakuhle njengesiqhelo ezifundweni. Ixhoba lidize ukuba lidlwengulwe ngumfundisi. lxhoba layokulandwa nguMfu Pakade esikolweni, emva koko wamisa kude kufuphi nehlathi nekulapho walidlwengulela khona.

Ukwadiza ukuba uPakade wagrogrisa ixhoba esithi lingakhe lixelele namnye ngokwenzeke kulo.

Oku kwenzeka kwindawo yaseSugarbush eMaxesibeni (Mount Ayliff) ngomhla wamashumi amabini kweyeDwarha walo nyaka.

UTyali uthi igqwetha likaPakade lidize ukuba uPakade ugqibe ekubeni angasifaki isicelo sebheyile. Ityala lamiswa nalapho alindeleke ukuba abuyele ngomhla weshumi elinesibini (12) kwinyanga ezayo nezakube iyinyanga yokuqala kunyaka omtsha ka2022.