Umgangatho wesiXhosa kwiintengiso

Sele kusisonka semihla ngemihla ukubaphantsi komgangatho wesiXhosa kwinxalenye yeentengiso ezikhutshwa koonomathotholo, ezifundwayo nezishicilelweyo. Kuke kwakho ethi “iifomu, nezinye futhi iifomu, kwakho iifomu!”

Enye ithetha ngonyango “lomoya ombi ophuma emathunjini” endingaziyo nokuba ngumsuzo okanye ngumbhodlo okanye ngumphefumlo na.

Kwakukho nethetha “ngokugrogriseka kwemithombo yamanzi,” enye “ngokucoceka ongakunukisa,” enye “ngenkantsi esemathunjini!” Zininzi ke, ungazibala uphelelwe kukwazi. Ndandikade ndicaphuka ke, kodwa ngoku ndise ndihleke okanye ndijije iqhosha kunomathotholo wam ndisindise iindlebe zam.

Xa babuzwayo ke bathi bazifumana sele zinjalo kubaninizo, bangazijiki ke kuba zizo ezibenzela imali. Kuf’ umntu ke yimali!

Kukho ebendisoloko ndiyihleka rhoqo ke. Bendingayiva nokuba ithini, ndihleka nje abantu abathetha okwabantu bokwenyani nesazi bona thina bengubo. Bendivuyela nje ukukhe ndihleke, nokuba ndihleka ntoni na.

Le ntengiso inebhinqa eliselula, lithetha neqina lendoda. Amazwi ayo ahamba kwiindawo ezifana nethi, “Papa!” kukhwaza le ntokazi ke. Lisabele ixhego lithi, “ewe sithandwa sam!”

Ithi intokazi, “ndicela ke sinikane umoya.” Iqhube iye phambili ke ixhego lixakiwe koku kunikana umoya kucelwayo. Mna bendiba le ntokazi ithi mabasuzelane xa ithi mabanikane umoya, ndihleke loo nto ke. Ndithe make ndibuze kule genge yam ukuba ingantoni na kanye le ntengiso.

Umntwana wathi, “lo sisi uyamlahla lo tamkhulu.” Ndothuka ukuba kanti ixesha eli kuthethwa loo nto; eli xhego liyaliwa yile ntokazi. Ndiziqonde apho ukuba imihla le makube ihambile nokuba iyakhanyelana na nomniniyo. Ndithini kaloku ukungazi ukuba umntu waliwa njani ndakugqiba ukuba ngumfana? Inokuba izinto sele ziguquke lowo mhlobo na ukuba zindeqe ndihleli? Xa kanti kunjalo inokuba nendlela yokuphimisa sele yaguqukayo! Xa ndisazihoye ngantoni ke phofu ezo nto?

Okunye endikuve sele ndikugcwaliselwa nguMamTolo, xa naye bendimhlekisa ngobuhiba bam ngale ntengiso. Uthe kule ntengiso kukhuthazwa abantu ukuba bahlawule ilayisenisi yeTV.

Esithi ukuba abantu abayihlawuli ilayisenisi yeTV siza kufumana abalinganiswa abanjengale ntokazi nalo bawo kwimidlalo yeSABC.

Ukufumana abalinganiswa abasemgangathweni kuziindleko, ekuthi ke inxalenye yazo ihlawulelwe ngale mirhumo yeelayisenisi.

Ndiphinde ndayihleka naleyo, ndisithi okona kungcono kukuba ndingayihlawuli eyam ukuze ndizohlala ndifumana abalinganiswa abanjengaba kwimidlalo yeSABC!

Mna bayandihlekisa, nto leyo ke indinqabelayo ngenxa yeenzingo. Phakathi kwezinto ezindenze ndayithanda ke le intengiso kukuba abantu bayo bathetha njengabantu bokwenyani.

Kwimidlalo yezi ntsuku zinqabile izinto zethu, ezikhoyo zeziziintsomi neziyimpilo yamazwe esingawaziyo. Imidlalo iqholwa ngendlela apha ebaxekileyo de ingazekeliseki mpilweni yokwenyani.

Abalinganiswa nomxholo nemfundiso ziba yinto nje endingaziyo ukuba yenzeka kweliphi na ilizwe kubomi bokwenene. Sele ndizimamelela la mdlalo uthi “Ithini na le nto” kuba wona unabalinganiswa neziganeko ezisondele kakhulu kubomi bokwenene, kubandakanya naba benza izinto zobunomokhwe nabarhutyulwe butywala!

Indicubhule ngezinto ezinjalo ke le ntengiso nezindenze ndayithanda. Shiya ke kumba wokuba mna abalinganiswa bendeqisele kumcimbi abathetha ngawo, yinto endala ke kambe ukweqisela umntu ovaleke njengam lo.

Ithi ke le ntengiso ukuba asiyihlawuli ilayisenisi siza kufumana abalinganiswa abanjengaba kwimidlalo yeSABC. Ke mna mntu ufuna bona ayeke kusini na ukurhuma ukuze ndidlalelwe abalinganiswa abanje ngaba?

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.