Umgcini-siko ikwangumlahli walo!

Abantu bale mihla basoloko begxekwa ngokulahla nangokungahloniphi amasiko. Kubagcini-masiko belixa ngalinye akukho uzibalela ekuthini ukwangumlahli wawo.

Nantoni na ayenzayo umntu ava kusithiwa yinto eyayisenziwa, enokuba yena uyenza njani na, leyo nto uyithatha ngokuba kukugcina amasiko nezithethe. Kubagcini-masiko bale mihla kunqabile ukukhangela imveli nesizathu saleyo nto ilisiko nesithethe, okona kuphambili kukuyenza enokuba imeko yokudalwa kwaleyo nto sele yaguqukayo na.

Mhlawumbi ke impixwano idalwa kukuchazwa ngeendlela ezahlukeneyo kwale nto kuthiwa lisiko nesithethe ziingcali zezemveli.

Ubukhulu becala isithethe nesiko elenziwa namhlanje asililo elo lalisenziwa ngaphambili, sele lenziwe iinguqu ezininzi ngokuguquka kwesimo namaxesha neendlela zokuphila koluntu.

Ukuba zininzi iingunqu esele zenziwe kwinkcubeko yethu, ngubani omemelela ezo nguqu? Ingaba sikhona isici esike senziwe kusithiwa kubhangiswa okanye kuguqulwa isiko elithile?

Abantu abamemelela ukugcinwa kwamasiko namhlanje banamasiko abawalahla ngopewula. Hlanga ngalunye lunamasiko elingasawenziyo nathathwa ngokuba ngamasiko amabi kwintlalo yanamhlanje. Ingcubhe ayisekho kwaBhaca, ukuba ikhona ayiseyiyo leyo yangaphambili.

Umshwabo wokwindla awusenziwa kwaMthimkhulu, ukuba usenziwa awusenziwa ngohlobo lwangaphambili. Ukuthombisa akusenziwa ngamaXhosa, ukuba kuyenziwa kwahlukile koko kwakusenziwa kuqala. Ukulobola yinkqubo endala yalapha kwaTshiwo; inenkqayi.

Nangona le nkqubo isomelele unanamhla oku, kwaye isaxatyisiwe luluntu luphela, kodwa yahluke kakhulu kweyangaphambili. Iinkomo azisekho, kusetyenziswa imali le isetyenziswa evenkileni. Sele kude kwakho nexabiso lemali, ihlazo lokuthengisa umntu! Inkqubo yobulawu iphela sele yaguqulwayo. Xa ke ingaseyiyo eyayisenziwa kuphi ukugcinwa kwayo?

Othi isiko lokulobola lisagciniwe uthetha ukuthini? Ingaba utsho kuba kusalotyolwa unanamhla oku? Ndoke ndive!

KwaSirayeli nakwinkolo yabakhululwa eYiphutha wayexulutywa ngamatye abulawe umntu ofunyenwe ekrexeza okanye esebenza ngeSabatha.

Kwakunemimiselo yamagazi eyayisenziwa ukuhlamba inyala ngalinye elilityala lokuxolelwa.

Indoda engalukanga nomfazi osebufazini okanye enimbeni babeyinqambi.

Kodwa ngokuvulela ezinye iintlanga ezingena masiko anjalo aguqulwa lawo masiko. Engazange ade abe ankqangazwa ngamagama awo, onke lawo kwakufuneka ebhangisiwe abhanga ngokuguquka kwesimo seenkqubo zonke.

Ndingawabalula abe maninzi amasiko nezithethe ezingasenziwayo luhlanga ngalunye ezweni liphela.

Kodwa kwakubantu bezo ntlanga kukho abamemelela ukugcinwa kwamasiko nezithethe. Kanti ukugcina oku kukuthini xa ingekuko ukugcina into injengoko injalo?

Eliyinene kukuba impilo yabantu iyawaguqula amasiko, maxa wambi iwabhangise. Inkcubeko yakhiwa sisimo sendalo nentlalo ebangqongileyo abantu, kuba yimithetho nemigqaliselo yokuphila kwabo.

Iinkosi zakwaTshiwo zisandula kumemelela ukubhangiswa kwesiko lokuthwalwa kwentombi ukwenziwa umfazi, kuba isimo asisalifanelanga eli siko.

Abaqalanga ukuba ngabagcini balo baliguqule layinto ehambisa umzimba. Iinkosi, abagcini besiko, zimemelela ukubhangiswa kwesiko lokuthwala. Abagcini besiko babhangisa isiko!

Ndaza ndakuva zwindini! Kumele ke kambe ukuba kube njalo, ukuthi abagcini besiko ibekwangabo abalibhangisayo elidinga ukubhangiswa, kuba kakade isiko lenziwa ze libhangiswe ngabantu, oko bekwenzela abantu.

Oko kuthiwa kukugcina amasiko kukulondolozwa kwawo ngaphezu kokugcinwa kwawo.

Ukulondoloza into kukuyikhathalela nokuqinisekisa ukuba isesimeni esifanelekileyo ngamaxesha onke.

Kukwenza izilungiso nokudiliza ze wakhe ngokutsha apho kudingeka khona. Intlalo yoluntu izakha ngokwayo nangokulungele abantu abayimiyo.

Ukuba isimo sokuphila kwabantu siyaguquka, zonke izinto ezingqonge impilo yabantu ziyaguquka, kubandakanya amasiko nezithethe ezenziwa yinkcubeko.

Akukho nto iyimpilo yoluntu ingasayi kuguquka. Naleyo uyibambileyo asiyiyo leyo yayiyiyo emvelini, ngumguqulelwa!

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.