Umgodi omtsha eNdwe

IQUMRHU lezophuhliso eMpuma Koloni (Eastern Cape Development Corporation [ECDC]) lithi lichithe imali engange-R736 000 lilungiselela ukusebenza komgodi wokuvelisa ilitye elisetyenziswa ukwenza indlela nesamente eNdwe eMalahleni.

Lo mgodi uvulwe ngokusesikweni kwiveki ephelileyo, kwaye uqashe abantu bale ndawo abakumashumi amane ngokokutsho kwabasemagunyeni.

Iingxelo zithi, lo mgodi uzakuhlala iminyaka engamashumi amathathu ukusukela ngoku.

Ingqonyela yakwaECDC uBuhle Dlulane uthi okuncumisayo kukuba lo mgodi ukuthethwano nomasipala waseMalahleni khon’ ukuze uthumele imveliso yawo enokunceda ekwakhiweni kwezindlu zeRDP ezikwiwaka elinesiqingatha (1 500) kule ndawo kuphinde kuthunyelwe le mveliso kwiinkampani eziliqela ezikushishino lokwakhiwa kwendlela.

“Siyi-ECDC siyakuvuyela ukukrwecwa ngabalawuli benkampani iBlue Crane Resources and Minerals uSydney Stina noMcebisi Limba abafumanisa ukuba kukho imveliso yelitye elinexabiso eNdwe,” kutsho uDlulane.

ULimba uthi umsebenzi wabo kukuvelisa ikonkrithi, ilitye elicoliweyo (crusher sand), ilitye lokwenza indlela nezinye.

“Inkampani yethu iBlue Crane Mine sele yenze isivumelwano neArhente yezendlela iSouth African National Roads Agency (SANRAL) ukuvelisa ilitye lokwakha indlela esuka e-Elliot ukuya eBarkly East kwanendlela esuka eNdwe ukuya eUgie naseMaclear.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za