Umhlaba mawubuye!

Ndikhumbula kwesa sithuba seminyaka yoo-1980 ukuya ku-1992, xa silulutsha sasilwela ilungelo lemfundo ephuhlileyo endaweni yaleyo yayisekwe phantsi kwemigomo yokuba sibe zizicaka zabantu basemzini, xa sasilwela ilungelo lokuphila ngokulinganayo kungekho ucinezelwayo phakathi kwethu bantu bantsundu nabo bohlanga lwasemzini, xa sasilwela iinkonzo ezingohlukanga phakathi kwezizwe ze-Azania, kukho nto yayisinqabela ngokubaluleka oku, ukuba nomhlaba.

Elona dabi kwakumele inkululeko yethu ijolise kulo, lelo lokuba xa siyincothula neengcambu ingcinezelo yomntu ontsundu kweso sandla senkohlakalo somntu omhlophe ngelo xesha, siqiniseke ukuba le nkululeko ibeka phambili ukubuyiselwa kwemihlaba eyathathwa ngenkani kookhokho bethu! Nokuba siyathanda okanye asithandi, inkululeko yomntu ongenamhlaba ifana twatse nenkululeko yexoxo kumlomo wephimpi, kuba elo xoxo lakuthi lisathi tsi gxada, ndasinda ekufeni, kanti isirhubuluzi sesiphezu kwalo, siyaligonyamela kwaye siyalixhaphaza ukuze libe ngumxhatshazwa ubomi balo bonke.

Kwekhu! Ndingawulibala njani na mawethu umhla wama-25 kweyeKhala kumnyaka ka-1991, imini eyayityhilekile naxa kwakubonakala kwelo laseMgwali ukuba usizi lubhalwe ngoonobumba abakhulu kumehlo ezilumko zalapho, izilumko zooWotshela; ooBlom; ooFanti noobawo uSam ezaxolela ukuswela nantoni na ebomini bazo kunokuba zithengise okanye zihluthwe imihlaba yooyise-mkhulu!

Siyehla ngaloo mini siya kwilali yakwa-3, siza kudibana singamaqabane angamatsha-ntliziyo ukuze kuboniswane ngomcimbi wokuya kuxuma iziphaluka ezimelene noMgwali ezifana neCumakala, iSihoboti, iKatikati, iZele, iQumrha, iBholo, iTsomo nePiltoni ukuze kumatshelwe eQonce kusiyiwa kulwela kwale nkululeko yomz`ontsundu, suka kwathi gqi phambi kwethu ixhego elide, umfo onewonga nesidima, ethe tywaa ingcawa yakowabo kwigxalaba lasekunene, ethe qhiwu ibhunguza ekwakukhangeleka liwazi umgquba ukomelela oku, ladanduluka lisithi, “kuyo yonke into eniyenzayo bantwana bam, maze nazi ukuba inkululeko engajolisanga ekubeni nebango kumhlaba, leyo ayikabi yinkululeko edingwa sithi! Kaloku thina sazi uKhongolose wokuqala, uKhongolose owayesekwe ngezibhambathiso zokulwela umhlaba kuqala phambi kwayo nayiphi enye into. Kwekhu, kazi kwakutheni na ukuze elo dabi ze lithobe umxakatho kumba wokulwela umhlaba?”

Sekunje nje mawethu kukutshintsha kweenjongo zelo dabi. Akwaba uKhongolose nokuba wayenawo namanye amabakala ekumele umzabalazo ujolise kuwo, abe uqinisekile ukuba kuzo zonke ezo zibakala, asikho esogqitha umhlaba! Ukuba kwakwenziwe njalo, abantwana bomgquba ngebenesidima, kuba ukubanomhlaba kukuba nesidima esingagungqiyo.

Ukuba kwakwenziwe njalo, ndiqinisekile ukuba abantwana bakowethu bebengasokuze bayazi intlalo yokungcuchalaza emikhukhwini bade baphele bebizwa ngamagama alisikizi afana noogob`ityholo, oonontente noonomacangci!

Kubuhlungu ukuva iziphumo zengxelo ngobunini bomhlaba eziphuma kumaziko ophando kweli lizwe, ziphumo ezo ziveza amanani aphikisana ngeyona ndlela idakumbisa umphefumlo.

Ezi ziphumo zamaziko ophando ziveza ukuba abantu basemzini ngokobalo-manani bamalunga nomyinge wama-20%, size thina bantu bantsundu sibalelwe kumyinge wama-80% ngokobuninzi bethu, kodwa nangona kunjalo, umhlaba omalunga nomyinge wama-80%, ngowabantu basemzini, ukuze umhlaba okumyinge wama-20%, ube ngowabantu abantsundu.

Xa uqwalasela la manani, ndiqinisekile ukuba uya kuvumelana noluvo lwam lokuba abona bemi beli lizwe, luhlanga lwasemzini, kuba kaloku umhlaba omninzi ngowabo, ukuze thina bantu sizithatha ngokuba singabemveli nabomgquba, sibe ziimbacu zabangcuchalazi kwizwe lakowethu!

Xa kunje inokuba amathambo abasunguli bokuqala bakaKhongolose ayashukuma, eshukunyiswa lunxunguphalo, kuba kaloku bona babesilwela umhlaba ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto. Sinqandwa yintoni bantwana basekhaya ukuba sikhe sibuyele eMbo, sibuyele kulaa mgomo wokulwa kusiphuke izicithi ukuze kubuye imihlaba yookhokho bethu? Kaloku xa sinomhlaba sinesidima.

Xa sinomhlaba sinekhaya, kuba ngokolu hlobo kulilo ngoku, siseza kuva kusithiwa singoonothwal`impahlana abahamba becela indawo yokuhlala kumanye amazwe, ngoku sinalo ikhaya lethu, khaya elo linemihlaba ezizithabazi nemikhulu eyathathwa kookhokho bethu ngondlov`iyatsha!

Bona kwale nto yokuba umntu ontsundu xa ethenga indlu okanye umhlaba kweli lizwe, uninzi lwamagqwetha anelungelo lokuqulunqa nokutyikitya isivumelwano sendlu okanye somhlaba ingalawo asemzini!

Mawethu upuca ngowabantwana, undize ngowabantwana, kanti nonochela ngowabantwana, kuba bona abakazi nto ncam, okwethu kukuya ngqo apho kufele khona ithole: Kwidabi lokuba kubuyiswe imihlaba ukuze sibe ngabanini bomhlaba!