Umhlaba mawubuyelwe eluntwini, hayi kwiinkosi!

Imifanekiso kaBheki Radebe

UMHLABA owathathwa ngondlelamnyama ngabamhlophe mawubuyele eluntwini ngaphandle kwentlawulo, kodwa ungakhe unikwe iinkosi.


Eli libango leqela lamafama noluntu oluphantsi kombutho Inyanda National Land Movement elivakalise olu luvo kwindibano ebi banjwe ngamalungu ePalamente kwakunye noluntu eOrient Theatre eMonti ngoLwesine.

Ezi ngxoxo zibanjwe ngeenjongo zokuva izimvo zoluntu malunga nokuba lingatshintshwa kusini na isolotya lomthetho lamashumi amabini anesihlanu (Section 25) loMgaqosiseko. Ukutshintshwa kweli solotya kuza kuqhubela urhulumente ukuba abuyisele umhlaba kubanini bawo ngaphandle kwentlawulo.


Ingxoxo yaseMonti ibiyeyamashumi amabini anesine, ukusukela oko luqalile olu viwo lwasesidlangalaleni kwilizwe liphela.

Umfama waseDimbaza uAviwe Piko weLizwi Lamafama phantsi kweInyanda, uthi bayakuxhasa ukutshintshwa kweli solotya, watsho esithi umhlaba mawuye eluntwini – ingakumbi oomama – kodwa mawunganikezelwa kwiinkosi.

UPiko uthi amafama eli phondo anesakhono sokuvelisa ukutya okunakubangela ukuba kuphele indlala, xa nje enokunikwa umhlaba.

Yena uPhindiwe Msesiwe, kwaphantsi kweInyanda, uthi naye uxhasa iphulo lokubuyiselwa komhlaba eluntwini, kodwa hayi ukunikwa komhlaba iinkosi.

“Oomama abanesakhono sokulima bangangunobangela wokuphela kwendlala kweli lizwe,” utshilo uMsesiwe.

UMzukisi Wada waseDuncan Village uthe: “Lo mhlaba wemka kwiinkosi. Sizithembe kanjani ke ngoku ukuba azinakuphinda ziphulukane nawo lo mhlaba? Umhlaba mawuye eluntwini.”

UNkosana Zolile Burns-Ncamashe, othethela iKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha, uthe uyakuxhasa ukubuyiselwa komhlaba eluntwini ngaphandle kwentlawulo kodwa phantsi kweliso nolawulo lweenkokeli zemveli.

Ingxoxo yaseMonti ibi yeyesithathu kweli phondo emva kwezo bezibanjwe eMthatha nakuKomani kule veki.

Ingxoxo yokugqibela kweli phondo iza kubanjwa ngoMgqibelo eJansenville kwiKaroo.