Umhlaba uza kubuya, bethanda bengathandi

Oko kule nyanga iphelileyo izizici ngezici zenkcubeko namasiko. Ubangajonga ngapha udibana nooqhiyankulu bephakamise ibhanile yobuntu bethu.

Kweminye ke yemiyalezo yolwa suku lwamagugu namafa kuvakale isiphakamiso esivela kwiqela lezopolitiko i-EFF usithi makususwe landawo ye-Afrikaans kumhobe wesizwe.

Abanelenga yileyo bagqithe bathi makususwe zonke izitetywa zabasunguli nabankcenkcesheli bengcinezelo esiphuma kuyo.

Ndithe ke xa ndiwuncokola lo mcimbi nomnye umhlobo wam wongeza naye ngelithi kwapha kumhobe wesizwe kula ndawo yesiNgesi kumele kukhe kundwendwelwe la ndawo yokugqibela ithi ‘in South Africa our land.’

Uthi lo mfo noko la maNgesi mawangade ayikhwaze kangaka ukuba ngumhlaba wawo lo ibe ingengowawo. Eli tyendyana lithi ukuba “uDie Stem” uyakhutshwa kumhobe wesizwe, makakhutshwe nalamgca wokugqibela wesiNgesi.

Ndiwuhleke ndafa icala ke lo mbono kodwa ndaphinda ndazinqanda kuba umba womhlaba eMzantsi Afrika unobuzaza kakhulu kwaye ukuba uphethwe zizandla ezingena nkathalo kungakho impalalo-gazi enkulu kunye nendlala enkulu.

Umzekelo endicinga ukuba usahleli ezingqondweni zethu ngowelizwe laseZimbabwe apho sathi sabona iziphumo ezibi zendlala, intsokolo nokufa, yaze lo nto yaqandusela imfuduko enkulu yabemi bela lizwe ukuza kule mida yethu kuba bebaleka la nyhikityha.

Xa ucinga ezo zinto usuke uzive usenza umthandazwana ukuba le genge iphetheyo iwaphathe ngocoselelo olukhulu umba wokubuyiselwa komhlaba kubanini bawo.

Kudala ndiziva iinkokheli ziphosa amazwi ngalo mcimbi, ezinye uzive zibhuda kunene.

Enye ebikhe yabhuda kakhulu ibingutata uKgalema Motlanthe esithi makuqale kuthathwe lo weenkosi zomthonyama umhlaba.

Tyhini thiza lo bawo andiqondi wayesityile isidlo sakusasa mhla wenza la ntetha, kodwa ke ndiyavuya kuba waphinda wawulungisa la mlomo wakhe.

Kuzo zonke ezontetha eyona mna endenze ndazikisa ukucinga ibiluqulunkqo lweembono zeThabo Mbeki Foundation, apho kuvele khona uluvo lokuba umbutho olawulayo awusachankcathi kwimigomo eyayisekelwe phezu kwawo xa ivelela lo mba wobuyiso mihlaba.

Ubawo uMbeki uthe iANC lo mcimbi iwenza ngobuhlanga, ngokuba ineentetha ezifuna ukuthelekisa abantsundu nabamhlophe.

Ude lo tata enze umzekelo wentetho eyenziwa ngowayesakuba ngumongameli welizwe nalambutho, uJacob Zuma, ngexa ezama ukugaya inkxaso kwindlu yowiso mthetho ukuba kuvotelwe lo mthetho wobuyiso mihlaba.

OkaZuma wasebenzisa amazwi athi ukhuthaza yonke imibutho yezopolotiko emnyama ukuba iwuvotele lo mthetho, utata uMbeki uthi le ntetho yalubeka lwacaca ukuba iANC ngoku seyingumbutho wabantu abamnyama kuphela kwaye ayizibandakanyi ezinye iintlanga.

uMbeki lo uthi i-ANC ekusekweni kwayo yayingumbutho wabemi baseMzantsi Afrika bonke ungajonganga bala la mntu, kwaye lo mbutho wasekwa phezu komgomo okuthwa xa ukhumshwa “yiNon-Racialism”.

Uthi ke lo mfo ukuba ngexesha likaZuma njengomongameli wala mbutho wazincothula iingcambu zawo njengombutho omanyayo, wasuka wangumthelekisi ngobuhlanga komnyama nomhlophe, alebele ngelithi le indlela ayisoze isise ndawo kumba wobuyiso mihlaba.

Mna ndizijongile zonke ezi mbono kwaye ndizithathela ingqalelo, noxa nje umhlaba woxuthwa kabuhlungu koobawomkhulu ngala madlagusha kodwa kubalulekile ukuba thina xa siwuthatha siyenze lo nto ngendlela ephucukileyo.

Nokuba le genge imhlophe inokusigrogrisa ngendlala nemfazwe ngenxa yokuba ingafuni ukuthobela umthetho wesizwe, okusalayo umhlaba uza kubuya wona bethanda bengathandi.