Umhlalutyi: ‘Idemokhrasi ifana nebhayisekile’

UMHLALUTYI wezopolitiko uNjingalwazi Somadoda Fikeni uthi kukugqibelela kwentabathonxaxheba yoluntu okunokuqinisekisa ukuba idemokhrasi yeli isebenza ngokufanelekileyo.

Le ntetho kaFikeni iza kanye xa ilizwe lisiya kunyulo loomasipala ngomhla wokuqala kwinyanga yeNkanga.

Isikhululo sovoto UMFANEKISO: Jacques Naude

Unyulo loomasipala luqinisekisa ukuba kukho isikhokelo sezopolitiko koomasipala, sikhokelo eso sinike umkhombandlela nenkxaso kwicandelo lezolawulo kumasipala.

UFikeni uthi urhulumente wasemakhaya ngoyena ubaluleke kakhulu kwimpilo yabantu, kuba ngoyena usondeleyo ebantwini ngokweendawo abakuzo.

“Lo nto ithetha ukuthi xa kufika ixesha lokuvota, kubalulekile ukuba sisondele kangangoko sibe nomdla (ekuvoteni), kuba into edala ukuba kufakwe abantu abangenasakhono kungenxa yokuba lo mcimbi siwushiyela kumaqela ezopolitiko.

“Enye impazamo kukungabikho (kwiindibano) xa kufanele sibuze apha kooceba ukuba kwenzeka ntoni na (malunga neenkonzo),” kutsho uFikeni.

Njingalwazi Somadoda Fikeni UMFANEKISO: Jacques Naude/ ANA

UFikeni uthi urhulumente wasemakhaya ubaluleke kakhulu eluntwini ngenxa yokuba usebenzisana ncakasana noluntu.

“Ngaphandle koko, urhulumente wasemakhaya nedemokhrasi – lo azisa iinkonzo futhi enze nemithetho echaphazela abantu ekuhlaleni – udibana naye umhla nezolo. Apha sithetha ngamanzi, ukuthuthwa kwenkunkuma, umbane, imithetho kamasipala (by-laws) nokunye.

“Yena urhulumente kazwelonke nowamaphondo, awudibani nabantu mihla le. Impazamo ke ethi yenzeke, kukuba abantu xa bevotile baye bazifulathele iinkqubo zikamasipala, bangayi kwiintlanganiso zewadi.”

UFikeni uthi ukusebenza ngendlela eyiyo kwedemokhrasi yeli, kuxhomekeke ebantwini. “Idemokhrasi ifana nebhayisekile, ifuna uyitshove ngalo lonke ixesha ukuze ihambe kuba wakuyiyeka ilala ngecala,” utshilo uFikeni.