Umhlangala uza kudedela inyhwagi!

Kula ncwadi ibala liluhlaza nemibhalo emthubi ka-E.W.M. Mesatywa, nenesihloko esithi “Izaci namaqhalo esiXhosa”, neshicilelwe ngabakwaMaskew Miller Longman ngomnyaka ka1965, kuvela intetho entsokothileyo ethi “Deda mhlangala endaweni yenyhwagi.”

Le ntetho ke igxininisa kuluvo lokuba nokuba izinto ngokwendalo nangokwenkangeleko ziyafana okanye ziphantse ukulingana, ibakho enamandla kunenye.

Le inamandla ke iye iyongamele le inobuthathaka, kangangokuba ide iyithathele nesikhundla ebikade izingca ngaso, ngoku ibicinga ukuba ikhonya yodwa kweso sikhundla.

Abazingeli ke bayazi ukuba nokuba ngokwamandla umhlangala nenyhwagi le ziphantse ukulingana, kodwa xa ziqubisana kuye kuqhume uthuli, luthi xa lunyamalala olo thuli ibe inyhwagi iphezu komhlangala, uze uthi wakoyiswa umhlangala, nokuba ubuzama kangakanani na ukulwa nokuqhankqalaza, ukhawuleze ukhwelele nokuba unesikrokro.

Nindiva ndinaba ndihlalutya okanye ndichaza banzi ngale ntetho nje kukuba ndihlonipha kwaye ndichonga ubukrelekrele bomXhosa ekusebenziseni ulwimi.

UmXhosa uyila izaci namaqhalo ejonge kwindalo, kuquka iintaka, izilwanyana, izityalo nezinye izinto, kanti esenza njalo nje uyala umntu, wakha umntu, ulumkisa umntu kwaye ufundisa umntu ngokwenzekayo ebomini kwanoko kumngqongileyo ebomini bakhe.

Nakweli ityeli ke, le ntetho ihlangana ngqo nemeko eyehle kwiziko lemfundo enomsila iStellenbosch Yunivesithi. Kukhangeleka ulwimi olunamandla obe lukade luyintsika nesiseko sala yunivesithi isithuba seminyaka engaphaya kwekhulu, lwimi olu ilolweAfrikansi, lufana nomhlangala xa luthelekiswa nenyhwagi esisiNgesi.

Nangona ezi lwimi bezisoloko zithathwa njengeelwimi ezibulingana ngokwamandla kweli loMzantsi Afrika, ingakumbi kumaziko emfundo, ezinkundleni nakwezinye iinkonzo zoluntu, isiNgesi sikhangeleka silukhuphela ngaphandle ulwimi lwesiAfrikansi kwiinkalo ezininzi.

Ngubani owayesazi ukuba kwiziko laseStellebosch elinguvimba wesiAfrikansi nengxam yobuntu bamaAfrikaner isiNgesi singongamela isiAfrikansi?

Ndisebenze kula yunivesithi isithuba esiyileyo kwiminyaka elishumi. Kuyo yonke loo minyaka, nangona yayikho imibutho esasiyisekile efana neBlack Students` Forum, neyayizama ukulwela ukuvulelwa kwabafundi abantsundu iingcango kwelo ziko lemfundo, ngokuthi isiAfrikansi singasetyenziswa sodwa njengolwimi lokufundisa, koko nezinye iilwimi zePhondo leNtshona Kapa, isiXhosa nesiNgesi zamkeleke kwaye zisetyenziswe njengeelwimi zokufunda nokufundisa. Iindonga sasifika ziluqilima, salwa kwade kwachizeka iintonga, saphelelwa ngamandla.

Naxa siphelelwa ngamandla salikhupha eliprofetayo lisithi, akukho nto isisimakade, nale yolu lwimi, njengocalucalulo, iseza kutshabalala. Satsho sisazi ukuba ukulwelwa kwesiAfrikansi ngabo bantetho isisiAfrikansi, asinto intsha, indala ide yanenkqayi.

Khumbulani kaloku ukuba ngomhla we16 kuJuni ka1976, kwaphalala igazi labantwana abantsundu abangama176, kwaze konzakala ngokumasikizi abangaphaya kwe1000, kuba besilwela ukungafundiswa kwangale Afrikansi.

Nakweli ityeli ke, imibutho yamalungelo abo bantetho iyiAfrikansi ifunge yangqisha phantsi isithi, nokuba iNkundla ePhakamileyo yePhondo leNtshona Kapa, incediswa yinkundla yoMgaqosiseko yoMzantsi Afrika, iwise umthetho oxhasa umnqweno weYunivesithi wokuba iAfrikansi iyeke ukuba lulwimi olusisiseko lwemfundo, koko makufundiswe ngesiNgesi, ngeenjongo zokubandakanya bonke abafundi, ingakumbi abo bathetha ezinye iilwimi ngaphandle kweAfrikansi, le mibutho ithi ayaneliseki seso sigqibo.

Ithi ngenxa yokunganeliseki sesi sigqibo, iza kuhlala iqwalasele ize yakhele umkhanyo le yunivesithi, iyijonge ukuba iza kuyenza njani na le nto yokukhupha iAfrikansi iphakamise isiNgesi.

Ngokoluvo lwabo, bathi xa kuphakama isiNgesi eStellenbosch, maze kuqinisekwe ukuba alubulawa okanye alutshatyalaliswa ulwimi lweAfrikansi.

Ndiyayincoma ke le mbono kuba ithetha ukuba ezinye izizwe, ulwimi lwazo ziluhloniphe kangangokuba zilulwele kude kube sekugqibeleni. Ingaba thina mzi kantu, thina maXhosa, singamanyana kangangokuba sisilwele isiXhosa singaze sitshabalale?

Xa isiNgesi singena endaweni yeAfrikansi eStellenbosch njengolwimi lokufunda nokufundisa, ndinombono wokuba xa nathi sinokumanyana siphuhlise ulwimi lwethu isiXhosa, ngenye imini kungaze kufundiswe ngaso nakwezi zethu iiyunivesithi eMpuma Kapa.

Ewe niza kuthi ndiyaphupha, ngethamsanqa ke amaphupha ayazaliseka.