UMhlobo Wenene FM unezigidi ezihlanu zabahlobo bokwenene!

UMHLOBO Wenene FM ude wafikelela kumgomo wokubanga indawo yesibini njengesona sikhululo sikanomathotholo sikhulu eMzantsi Afrika.

Ezi ndaba, nezivakele ngoLwesibini, zamkelwe ngothakazelelo ngabaphathi, abasebenzi kunye nabaphulaphuli beli ziko losasazo.

Ngokutsho kwamanani akhutshwe ngoku, uMhlobo Wenene FM unabaphulaphuli abakwizigidi ezintlanu, nto leyo ithetha ukuba uhleli kwindawo yesibini emva koKhozi FM olusabanga indawo yokuqala ngobukhulu.

Esi sikhululo, sifumana eli nani kanye emva kokugqobhoza koKhozi FM kwiphondo leMpuma Koloni kwinyanga ephelileyo. Ngokwamanani bewekhutshwe ebutsheni balo nyaka, uMhlobo ubuqhayisa ngeenkqubo ezikwisixhenxe ezihleli kwinto engaphaya kwesigidi sabaphula-phuli.

Kwezo nkqubo kuquka , uSeza Umphefumlo, Leli kaYehova Ihlabathi Nenzaliseko Yalo, Lavuth’ ibhayi, Ezemidlalo Nolonwabo kunye noLaphum’ ikhwezi.

Noxa kunjalo, iinkqubo ezimbini zesi sikhululo ebesele kudala zindandisela phezulu iflegi yawona manani aphezulu, iBhrakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) kunye nenkqubo yangeCawe – Ukholo Nengqiqo, sele zichwechwela izigidi ezibini sithetha nje.

UMakhonya woMhlobo Wenene FM, uMnu. Phumzile Mnci, akakwazi kuwuvala umlomo wakhe ngale mpumelelo. UMnci wolule ilizwi lombulelo kubasebenzi nabaphulaphuli bakhe.

“Ndingathanda ukubulela igqiza loMhlobo Wenene FM ngokuzimisela kwanokusebenza nzima, abaphulaphuli abathe gqolo ukusithanda nokusixhasa, ingakumbi abo bongeze eli nani laze lafikelela kwizigidi ezihlanu.” Halala ! UnoMhlobo Mhlobo!