Umhlolokazi uyaphika wambulala umyeni wakhe!

Otyholwa ngokubulala umyeni wakhe uBulelwa Ndudula

Uliphikile ityala lokubulala umyeni wakhe uBulelwa Ndudula kwinkundla ephakamileyo eMonti. 


Le nkosikazi yakwaNdudula ibinika ubungqina enkundleni nalapho atyhole amapolisa kwakunye nosapho lomyeni wakhe ngelithi balipheka kunye iyelekenqe lokudyobha yena ngeli tyala. 

Ujongene nezityholo zokudubula abulale umyeni wakhe uSakhekile Ndudula ngeyoMsintsi wonyaka ka-2016 kwikhaya labo eliseCambridge West eMonti.

Le nkosikazi  yabanjwa ngamapolisa ngomhla we30 kwakweyoMsintsi ngo2016 kwikhaya lomyeni wayo.
Kubungqina abuveze enkundleni, uBulelwa Ndudula uxelele inkundla wayesenza isikhaftina ekhitshini ngethuba umyeni wakhe ongasekhoyo ehlaselwa. 
Uthe umyeni wakhe wayemshiye esitya isidlo sakusasa kwigumbi lokulala, kwathi eselapho ekhitshini esenza isikhaftina, weva into engathi sisitya seglasi esiwayo salandelwa zizithonga engathi zezompu, waze wazimela ecaleni kwesitovu ekhitshini. 
Uqhube wathi waya kwigumbi lokulala echwechwa, waze wabona umyeni wakhe eguqe ngamadolo ngakumnyango wegumbi lokulala. 
UBulelwa Ndudula uthi umfi ngelo xesha wayecela ukuba abalekiselwe esibhedlele, waza wamncedisa ukuba baye egaraji yeli khaya nezazipakwe kuyo izithuthi. 
Ukwathe wafowunela udadobawo womyeni uSindiswa Gede, wacela noncedo kuNoligwa owayerenta kwindlu engasemva kweli khaya. 
Ukwachaze nokuba wacofa iqhosha lokubiza inkampani yoonogada ababenika ukhuselo kweli khaya. 
Le nkosikazi ihambise yathi, yabona imoto emhlophe imisa ngaphandle kwamasango omzi wabo, iqhutywa linenekazi elambuzayo ukuba yonke into isahamba kakuhle kusini na. 
Uthi wafumanisa kamva ukuba eli nenekazi nguVuyiseka Ngoqo owathi wamncedisa ekulayisheni umyeni wakhe kwisithuthi sakhe khonukuze amleqise esibhedlele. 
UBulelwa ukwathe umtshato wakhe noSakhekile wawungena zingxaki ziqatseleyo ufana nje neminye. 
Umtshutshisi kweli tyala uSakhumzi Mtsila ukuphikisile oku esithi le nkosikazi yayingonwabanga emtshatweni. 
OkaMtsila ucaphule imiyalezo yonxibelelwano phakathi kukaBulelwa kwakunye nomhlobo wakhe uViwe Dinga. 
Kule miyalezo eyayikuWhatsApp uBulelwa wayesithi unikezele kulo mtshato. Wachazela umhlobo wakhe uDinga ukuba nokuba umyeni wakhe angatshaba angatshicela nalo bhokisi yomngcwabo. 
UMtsila uthe oku kuchaza mhlophe ukuba wayeseneenjongo zokubulala. 
UBulelwa ukuphikile oko esithi yayingumsindo nje wela xesha emva kokuba umyeni wakhe emke iintsuku ezimbini engatshongo ukuba akazukubuya. 
Emva kwemini le nkosikazi isemkhumbini iphekwa isophulwa ngemibuzo ngumtshutshisi, ibimane inqandelwa ligqwetha layo uMike Maseti. Ityala liye lamiselwa ungomso.