UMjolo ubaphulula baphile abakhenkethi eSajonisi

uAsemahle Mjolo ngusomashishini osakhulayo ozinze kwilali yakuNoqhekwane, eSajonisi. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Inenekazi laseSajonisi, uAsemahle Mjolo, lingene laphelela kwishishini lokumasaja abantu futhi likhangela indlela lokukhula ngakumbi. UMjolo ukuthethe oku ngethuba encokola neli phephanda ngethuba limndwendwele kwindawo asebenzela kuyo eNcumisa Home Stay kwilali yakuNoqhekwane.

Ubomi kukaMjolo baguquka mhla waxelelwa ngethuba lokufumana uqeqesho nguNcumisa asebenzela kwakhe ngoku. Wayengazi ukuba angaphilisa abantu ngezandla zakhe azisebenzisa xa ebamasaja awakufundiswa nguEastern Cape Tourism ngo2021.

“Ndaxelelwa ngusisi Ncumisa ukuba kukho ithuba lokuqeqeshwa kwinto enje, ukuba ndinawo umdla angazithumela izinto zam. Kuba nam ndandingenzi nto, nam ndavuma ngoba ndaphuma ngo2019 kwiMatriki. Ndandihleli nje ekhaya kuba ndandingekafumani isikolo.

“Sahamba sayokufumana uqeqesho nogxa wam endisebenza naye,” utshilo uAsamehle oneminyaka eyi22. “Ndaye ndacinga ukuba ingandinceda le nto kuba kulala abelungu apha. Lalikhona ithemba lokuphumelela kuba le ndawo inabantu abaza kuyo,” utshilo uAsemahle owabuyela ekhaya waqala ikhondo elitsha.

Apho bafumana khona uqeqesho bancedwa ngoba banikwa izinto zokuqala umsebenzi eziquka ibhedi ayisebenzisayo ngoku. Isiqalo zange sibe nzima kakhulu ngoba unxuse kwaNcumisa onabantu abaza kuye. “Saziyaleza ebantwini abahamba nabakhankethi ukuze bazi ukuba iyenziwa imasaji apha.

“Nam ndasasaza amaphetshana axela umsebenzi wam nendlela kwiihotele ezisedolophini. Abantu baye bandifowunele ndiye kubo edolophini. Ingxaki endinayo kukuya edolophini emini ngoba iimoto ziyanqaba apha elalini,” utshilo uMjolo ozimiseleyo ukukhulisa ishishini lakhe.

Uthe angavuya ukuba angafumana indawo ekufutshane neendawo abahlala kuzo abakhenkethi. “Kwakungcono kusekho utata ngoba wayendisa. Kufuneka ndiye nebhedi endisebenzela kuyo apho ndibizwe khona. Ekuqaleni kwakunzima ukubamba abantu endingabaziyo – kodwa ndiqhelile ngoku futhi ndizithembile.

“Sendinabo nabelungu abandifowunelayo. Ingase ndifumane indawo yam ngoba ngamanye amaxesha abantu babaninzi ndingakwazi ukubeka izinto zam. Kungangcono ukuba indawo ingakufutshane elwandle ukuze ndikwazi ukufumana abantu abaninzi,” utshilo uAsemahle ofumaneka kwinombolo yomnxeba ethi: 065 749 2672/076 884 9686.

Ukuphululwa izihlunu kuyinzuzo kwabo badiniwe nakwabonzakeleyo ngoba kukhulula izihlunu kutsho kubaleke igazi ngendlela efanelekileyo.