Umjuxuzo kuvunwa amandongomane!

UNkosazana uNomaxhosa Jongilanga eNcera ethetha noonondaba ngethuba bebhengeza ngomnyhadala ozayo wokuvunwa kwendongomane imifanekiso: BHEKI RADEBE

Umhla weshumi elinesithathu kwinyanga ezayo wubekele bucala kuba iza kube ilulonwabo kumasimi amandongomane lohlobo lweMacadamia nanjengoko kuza kube kubanjwe iMacadamia Harvest Festival neza kuthabatha iintsuku ezimbini.

Oku ziinzame zokutsala uluntu kwezolimo ikwakukuzama nokutshintsha indlela uhlobo uluntu olucinga ngalo xa kuthethwa ngokuvunwa okanye ukulima.

Umququzeleli walo mnyhadala, uVukile Pokwana, uthi injongo yokuba kwenziwe umnyhadala onje kukuba nakumanye amazwe xa kuvunwa kwenziwa njalo kwaye oku kukukhuthaza kwanokutsala ulutsha kwezolimo.

Kuninzi okulindeleke kulo mnyhadala untsukumbini. UAnga Makubalo nowaziwa ngelikaNaak Musiq uza kube esonwabisa uluntu kwakunye nezinye iimvumi eziphuma eBuffalo City Metro Municipality.

Umjuxuzo uza kuba ngosuku lwesibini logama ngosuku lokuqala kuza kube kukho amasebe karhulumente nalapho aza kube enika ithuba uluntu olufuna ukuncedwa.

Loo masebe okwangoku kubalulwe elezeMpilo, uSassa kwakunye noSETA. Oku kudizwe kwindibano ebibanjwe noonondaba kule ntsimi yamandongomane ngoLwesine.

Lo mnyhadala iza kube ingunyaka wesine ubanjwa kwaye umgangatho walo unyaka uxhomile kuba awuzokufana nedlulileyo.

Okulawulo kwiNcera Macadamia Farming uJoe Jongolo uthe lo mnyhadala awukho ngokujuxuza kuphela, ungokuphuhlisa indalo yasezilalini kwaye nokukhulisa uqoqosho ezilalini.

“Siyazidla kwaye sizibetha egxeni kuba iNcera yeyokuqala apha eMzantsi Afrika esezilalini kwaye neqhutywa ngabantu abantsundu,” utshilo uJongolo.

Ukwadize ukuba ikwizicwangciso zabo kwiminyaka ezayo into yokuba la ndawo ibenehotele kwaye ibe yenye yeendawo ezaziwayo nezitsala abakhenkethi bangaphandle.

UPrincess Nomaxhosa Jongilanga uthi naye uyazidla kuba baninzi abantwana abanemfundo ngenxa yeNcera Macadamia.

Uthi baneelali ezininzi eziphantsi kwabo ezinolutsha olungasebenziyo nekukho kuzo nendawo yakuGatyane nekulapho uSETA waye wangenelela khona ngokuthi afake inkxasomali ekubeni kuphuhliswe ulutsha lube nezakhono.

Abanye babo baza kube bethwaliswa izidanga kulo mnyhadala. Ezi ndongomane azivelisi okutyiwayo kuphela, uza kuzivela kuvuno ukuba zintoni ezinye.

Le mithi yamandongomane sele ineminyaka esibhozo ityaliwe eNcera.