Umke negama lakhe uFloyd kwiEFF waya kwiMK!

UFloyd Shivambu nobeke phantsi njengelungu le-EFF emva kweminyaka elishumi elinanye (11) eyokuzimanya nombutho weMK Party. UMFANEKISO: GETTY IMAGES

“Ndifikelele kwisigqibo sokuba ndingabuhlaziyi ubulungu bam kumbutho we-Economic Freedom Fighters (EFF).” Lawo ngamazwi walowo obesakuba nguSekela Mongameli walo mbutho kuzwelonke uFloyd Shivambu (41).

UShivambu ebethetha ngoLwesine kwindibano yoonondaba kwiNdlu Yowiso Mthetho ye-EFF, eWinnie Madikizela House, eBraamfontein, eGoli, apho adize iindaba zokuba unobangela wokungabuhlaziyi ubulungu bakhe kukuba uyokuzimanya ngeqhina lomtshato noMkhonto weSizwe (MK).

“Andinuniswanga ngasikhundla kwiMK kodwa andizukwazi ukudakanca iinkcukacha ezithe vetshe kweli iqonga iyakubangathi sele ndikhankasela iMK,” utshilo uShivambu.

Uthe akasoze ayilahle iEFF. UShivambu ibengomnye wabasunguli balo mbutho ngethuba kwakusekwa lo mbutho nge26 kaJulayi ngo2013, bephuma kumbutho weAfrican National Congress (ANC).

Inkokheli yalo mbutho uJulius Malema naye obekule ndibano nobebonakala exhelekile uthi ngenene uxhelekile kuba wothukile akakhange ayilindele eyokubeka phantsi kukaShivambu.

UMalema uthi, uShivambu ebesele efana nobhuthi wakhe njengoko ebesoloko esecaleni kwakhe nangamaxesha anzima ebomini. Uthi ebengengogxa wakhe qha ngokomsebenzi.

“Nanini na wamkelekile ukuba angabuyela kwakhona uFloyd kwiEFF. Uhambo lwakhe lundothusile xa bendifumana ileta yakhe khange ndikulindele oku. Bendingayazi nokuba uya kwiMK,” utshilo Malema.

UMalema, uthi, oku kukuqala kwendlela ayikokuphela kwe-EFF. Uthi iEFF ayingombutho womntu omnye ngumbutho womntu wonke.

UMalema uthi abaxabenanga noFloyd nangoku batye bonke isidlo sakusasa phambi kokuba bangene kule ndibano.

Kwalapha kwiEFF, uMalema udize ukuba akukabiphi basebaninzi abazakuphuma kwiEFF, omnye wabo osele ebhengeziwe nguJimmy Manyi eyokuzimanya neMK naye.