Ingxelo yomphengululi zincwadi jikelele ibonisa ukuba umkhosi welizwe loMzantsi Afrika ukwimeko engentle xa kuthelekiswa namaxesha angaphambili.
Oku kuvele ngethuba iofisi yomphengululi zincwadi jikelele isenza ingxelo yayo kwikomiti yasepalamente ejongene nenkcitho yamaSebe karhulumente.
Umkhosi wasemanzini, owasemoyeni kwakunye nesebe lomkhosi jikelele lichazwe ukuba linengxaki yolawulo oluhexayo olubangela ukuba ingxelo yezimali ingabintle.
Othethe egameni le ofisi yomphengululi zincwadi jikelele uFhumulani Rabonda uthi ingxelo yela sebe yonyaka mali u2013 no2014 yayingcono kakhulu.
“Unobangela weengxaki ezininzi kwisebe lomkhosi zisuka kwiingxaki ezikwinkampani yakwaDenel, ukuze ziphele iingxaki zomkhosi weli kufuneka kuhlangulwe inkampani yakwaDenel ukuze ibuyele esiqhelweni,” kutsho uRabonda.
Inkampani yakwaDenel yinkampani evelisa uninzi lwezixhobo zeSouth African National Defence Force eziquka iimbumbulu nezinye.
“Ezi ngxaki zibangela ukuba umkhosi wasemanzini uchithe ixesha elilinganiselweyo kuqeqesho lasemanzini, ngokunjalo nomkhosi wasemoyeni nawo uthatha ixesha elincinci kuqeqesho ngeenjongo zokukhusela inkcitho,” kutsho uRabonda.
Le ngxelo ithi ngamashumi amathandathu anesihlanu ekhulwini imisebenzi emele ukwenziwa lela sebe engafumani nkxaso yokuba iqhubele phambili.
“Ngenxa yezixhobo zela sebe ezingekho mgangathweni kunyanzeleka ukuba kusetyenziswe izixhobo eziqeshwe kwiinkampani zabucala, konke oku kubuyisela umva umsebenzi wesebe,” uhambisa atsho uRabonda.
Ilungu lepalamante lombutho woMkhonto WeSizwe Party uThalente Kubheka uthi ngenene iyaxhalabisa imeko yomkhosi weli.
“Ngenye imini sizakuxelelwa ukuba asinawo umkhosi, kumele silindele ukuxelelwa ukuba ilizwe lethu lisengxaki ngenxa yale meko siyivayo namhlanje,” kutsho uKubheka.
Le ngxelo ithi ukuthunyelwa kwamajoni weli kumazwe afana neDRC kugalela ityuwa enxebeni ukukhulisa iingxaki zeSouth African National Defence Force.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?