Umkhosi wokuncedisa abezempilo eMpuma Koloni

Amajoni eli loMzantsi Afrika UMFANEKISO: HENK KRUGER/ ANA

UGALELEKILE kwiphondo leMpuma Koloni umkhosi weli weenkonzo zempilo, iSouth African Military Health Services, ukuza kuncedisa ekongeni abo bagula yintsholongwane yeKhorona.


Lo mkhosi ugaleleke ngeCawe eBhayi kwaye uza kuthunyelwa kwiindawo ezahlukeneyo, eziquka iziko lokujongana neCovid-19 eligxunyekwe kumzimveliso wakwaVW eBhayi.

Eli qela liquka oomongikazi abangamashumi amathathu anesihlanu, oogqirha abalishumi elinesibini noonompilo abanamava (clinical associates) abahlanu.

“Urhulumente wephondo uza kuchaza izibhedlele oza kuthunyelwa kuzo lo mkhosi wabezempilo. 

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukholelwa ukuba aba nompilo bomkhosi baza kudlala indima ethe qabavu ekuncedeni ukulwa neCovid-19 ephondweni,” utshilo uMvusiwekhaya Sicwetsha, othethela iNkulubaphathiswa.

UMabuyane, kwintetho yakhe noonondaba kwiveki ephelileyo, wenze isimemelelo ecela abantu bephondo ukuba badlale indima ukulwa le ntsholongwane.

“Siyabacela abantu bephondo lethu bayithobele imiqathango yale Lockdown yokulwa iCovid-19, kwaye sonke kufuneka siyithathele ingqalelo le ntsholongwane. Sonke sinoxanduva lokuzikhusela, ukukhusela abanye abantu nephondo lethu lonke.”