UMkhuseli Woluntu omtsha

Uya ngokukhula umdla woluntu lweli lizwe wokwazi ukuba ngubani ozakungena kwisikhundla soMkhuseli Woluntu * -Advocate Thuli Madonsela nobeka phantsi iintambo ekupheleni kuka- Okthobha.

Sekuphele iminyaka esixhenxe uMadonsela ekwesi sikhundla yaye unconywa ngegalelo lakhe elibeke iOfisi yoMkhuseli Woluntu kwinqanaba eliphezulu emehlweni oluntu jikelele.

Umdla obonakaliswa luluntu uyancomeka njengoko ikomiti emiselwe yipalamente emalungu alishumi sele iqalile ukuqulunqa uluhlu lwabagqatswa oluzakumenyelwa kudliwano-dlebe. Le komiti emalungu alishumi yenziwe ngamalungu amathandathu eANC, amabini eDA, elinye leEFF, elinye leIFP, kunye nelinye leUDM.

Kumatyeli adlulileyo ukuchongwa koMkhuseli Woluntu ibiyinkqubo engenazixakaxaka kwathini njengoko intlonti yorhwaphilizo nokunyathelwa ngenyawo kwamalungelo abantu ibingandanga. Amasebe karhulumente kunye neenkampani zabucala bezisebenzisana noMkhuseli Woluntu xa esenza uphando yaye imiyalelo equlathwe kwiingxelo ngeziphumo zophando ibihlonitshwa.

Kungoko kungazange kubekho kukhalaza kungakanani naxa kwakuhlonyelwa umthetho olawula iOfisi yoMkhuseli Woluntu ukuhlahla indlela ukuze abo babesakuba ngamalungu epalamente bavunyelwe ukuba bachongelwe kwesi sikhundla. Iziphumo zaba kukuchongwa kuka Advocate Lawrence Mushwana nowayefudula elilungu le ANC epalamente nowaba kule ofisi iminyaka esixhenxe phambi kokunikezela iintambo kuMadonsela.

Le ntsebenziswano isemngciphekweni mva nje, nto leyo ebangele ujijiswano ezinkundleni zomthetho. Ngeso sizathu Andiqondi ukuba kwesi sihlandlo kungayinto elungileyo ukuchonga umntu owayelilungu lepalamente njengoko ukwayanyaniswa kwakhe neqela lezopolitiko elalimthumele epalamente kungabangela intandabuzo malunga nokuba angakwazi na ukwenza umsebenzi ngaphandle komkhetho okanye uloyiko lwabasemagunyeni.

Kungoko amaphulo okuququzelela abantu ngokubanzi ukuba baphakamise amagama abo bangathanda ukuba batyunjelwe kwesi sikhundla ekhangeleka eyinto elungileyo. Elihamba phambili kula maphulo lelo le Corruption Watch neliqale ngoFebhrwari ngokubamba iintlanganiso kwiidolophu ezikumaphondo ehlukeneyo eli kucaciselwa uluntu ngohlobo elingazibandakanya ngalo nale nkqubo.

Kwezi ntlanganiso kucaciswa ngeempawu zabo bafanelekileyo ukuchongelwa kwesi sikhundla neziquka ukuba umntu abe ngummi weli lizwe oyiJaji yeNkundla ePhakamileyo, okanye oligqwetha leNkundla ePhakamileyo nonamava eminyaka elishumi esebenza ezinkundleni zomthetho, okanye onamava eminyaka elishumi eligqwetha leNkundla ePhakamileyo kunye nomhlohli wezifundo zomthetho eyunivesithi.

Ikwangala maphulo amisele izicwangciso zokuqinisekisa ukuba uluntu ngokubanzi lufumana ithuma lokuphicotha amava kunye neziqinisekiso zemfundo abo bakuluhlu labazakuya kudliwano-ndlebe ukuze luphikise nantoni na elingavumelaniyo nayo.

Kaloku iqhelekile into yokuba abagqatswa kwizikhundla eziphezulu bahombise ingxelo ngamabanga emfundo abawaphumeleleyo okanye amava abanawo kwicandelo lomsebenzi abazigqatsele wona.

Isigaba esilandelayo siqinisekisa ukuba uluntu ngokubanzi lubakhona xa kubanjwe udliwano-ndlebe ukuze amalungu ekomiti yepalamente awuchophele ngesidima umsebenzi wokuchonga umntu ofanelekileyo.

Yonke le mizamo ijongiswe ekuqinisekiseni ukuba isidima sesi sikhundla sikhuselekile maxa onke khona khona emva kwesigwebo seNkundla YoMgaqo-siseko neyafumanisa okokuba uMongameli Jacob Zuma usilele ekwenzeni okuyalelwa ngumgaqo-siseko weli lizwe othi makakhusele umgaqo-siseko kunye nomthetho.

Esi sigwebo silandela uxambuliswano malunga nokokuba umongameli Zuma kunye nepalamente bavumelekile na ukutyeshela umyalelo woMkhuseli Woluntu othi uZuma makahlawule inxalenye yemali karhulumente eyachithwa emzini wakhe oseNkandla.

Esi sigwebo kunye nale nkqubo yokuchonga ozakuthabatha esi sikhundla sikwaludondolo lokulinganisa uhlobo olululo ekulindeleke ukuba lulandelwe ngozakuchongelwa kwesi sikhundla ngokuthi asebenze ngohlobo oluzimeleyo nolungenamkhethe naloyiko lwabasemagunyeni. Zikwanika ithemba kuluntu lweli lokokuba uzakuhlala ekhona umkhuseli nomthetheleli wabo bangenamandla xa bejongene nenkohlakalo norhwaphilizo olukhukhulisa ulawulo lwentando yesininzi. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!