UMkhwebane ebengenamagunya wokuphanda iphulo le-CR17, itsho inkundla

UMkhuseli woLuntu, uAdv Busisiwe Mkhwebane, ebengawo amagunya wokuphanda iphulo lokugaya inkxaso likaMongameli weANC uCyril Ramaphosa, itshilo iNkundla yoMgaqo Siseko ngoLwesine.

Adv Busisiwe Mkhwebane UMFANEKISO: Oupa Mokoena/African News Agency (ANA)

UMkhwebane, kwingxelo yakhe yophando, wadiza ukuba uRamaphosa walahlekisa iPalamente malunga nemali eyiR500 000 eyayihlawulwe kwiphulo lakhe lokugaya inkxaso yokuba nguMongameli weANC ngo2017, elaziwa njenge-CR17. Le ngxelo kaMkhwebane, yayikwadiza ukuba uRamaphosa uxhamle ngokwesiqu kule mali.

Kodwa uJaji Chris Jafta, kwisigwebo sakhe, udize ukuba umthetho olawula iOfisi yoMkhuseli woLuntu, ayimniki amagunya uMkhwebane ukuba aphande iinyewe zemicimbi yabucala yemibutho yezopolitiko, watsho esithi akukho sihlahla kwibango likaMkhwebane lokuba uRamaphosa wayezama ukuxandisa yena buqu nosapho lwakhe ngale mali.

Obesakusa yinkokheli yeDA uMmusi Maimane wamangalela uRamaphosa kuMkhwebane esithi akakhange anyaniseke malunga neR500 000 eyahlawulwa kwiphulo le-CR17.

Emva kophando, le ngxelo kaMkhwebane malunga nephulo le-CR17 yachithiwa yinkundla ephakamileyo.