UMlamli kwintlupheko yakwaZinja

Ukuqaqanjiswa kwemeko yakwaZinja liphephandaba I’solezwe lesiXhosa kuza emva komfanekiso kaFacebook owawugxunyekwe nguSiyakholwa Mlamli, obesakuba ngusodolophu kumasipala iKing Sabata Dalindyebo.

“Oku kubonakalise amandla amaqonga ezonxibelelwano. Ukuba ndandingazange ndibe ndiyayixhoma yaziwe ibonwe luluntu imeko yolu sapho ngekungazange kubekho olu ngenelelo lunje. Abasemagunyeni nabanamandla mabazibandakanye nala makhasi onxibelelwano ukwenzela ukuba bazokubona iimeko ezinje,” utshilo uMlamli.

Uthi kuthetha lukhulu kuye ukuncedeka kosapho lakwaZinja.

UMlamli utsho ebulela kubo bonke abathe bathatha inxaxheba bancedisa bakubona kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa abafana nosodolophu waseO.R. Tambo uNomakhosazana Meth, imasipala iNyandeni, kwakunye norhulumente wephondo.

abongile.ginya@Inl.co.za