Umlilo owenzeke kumatyotyombe aseKayamandi eStellenbosch ushiye abantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amahlanu (150) bengenamakhaya emva kokutshabalalisa izindlu ezingaphaya kwamashumi amane (40).
Umbutho onceda ngexesha lentlekele iGift of the Givers ukulo mmandla ukuze unike uncedo olufuneka kakhulu.
UManejala weProjekthi yakwaGift of the Givers nesithethi, uAli Sablay, uthe lo mbutho ufumene iminxeba kubahlali baseKayamandi kunye neenkokheli zasekuhlaleni malunga emva kwentsimbi yethoba (9:20pm) ngobusuku obuphambi kosuku loNyaka oMtsha, becela uncedo nanjengoko imililo iqatsela.
Umbutho iGift of the Givers uzakube usisa ukutya, iingubo kunye nokutya kwabantwana kubahlali kwaye uzibophelele ekondleni iintsapho ezichaphazelekileyo kwezi ntsuku zisixhenxe zizayo.
Njengoko abahlali abaninzi bephulukene nezixhobo zesikolo kunye neeyunifomu zesikolo, iGift of the Givers izimisele ukunika bonke abantwana abachaphazelekayo iiyunifomu zesikolo ezintsha kunye nezixhobo zesikolo ukuze bangaphazamisi imfundo yabo.
USablay uthi lo mlilo ngumlilo weshumi elinesine (14) kumatyotyombe eNtshona Koloni kwezi ntsuku zilishumi elinesine (14) zidlulileyo.
Nge23 kaDisemba, umlilo kumatyotyombe aseKosovo ePhilippi washiya abantu abangaphezu kwe100 bengenamakhaya emva kokutshabalalisa amakhaya angaphezu kwama40.
Kwangolo suku lunye, kwabakho imililo kumatyotyombe aseMasiphumelele eKommetjie, apho malunga nezakhiwo ezingama82 zatsha, nabantu abamalunga nama450 bashiyeka bengenamakhaya.
Ngomhla weKrisimesi, umlilo uhlasele amatyotyombe ase’Ekuphumleni eDunoon, watshabalalisa amakhaya angaphaya kwamakhulu amabini washiya amakhulu abahlali bengenamakhaya.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!