UMlisa ukhala ngabadlali beChiefs abangazimiselanga

PHIKOLOMZI MLISA

UPhikolomzi Mlisa akonwabanga yindlela iqela lakhe eliqhuba ngayo kwiPSL.

Le ndedeba yaseMakhaza ikhala ngabadlali beKaizer Chiefs abangazimiseliyo emidlalweni kwanomqeqeshi owenza iinguqu kakhulu.

UMlisa ukwasibalisele nangendlela yakhe njengomlandeli omkhulu waMakhosi.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL?

Phikolomzi Mlisa: Ndilandela iKaizer Chiefs. Ukusukela ngo1990, eyona nto eyanditsalayo yindlela eyayidlala ngayo eyayinika umdla kakhulu.

NT: Ngoobani abadlali obathandayo?

PM: Itumelang Khune, eyona eyenza ndimthande uyazimisela xa edlala kwaye ulihlangule amatyeli amaninzi iqela lethu. Omnye umdlali nguWillard Katsande ngoba naye uyazimisela kakhulu xa edlala. Bobabini aba badlali endibakhakhanyileyo bayakuqonda ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumdlali weKaizer Chiefs.

NT: Abantu bebencoma umsebenzi kaSolinas, ingaba konakele phi ngoku?

PM: Ndicinga ukuba eyona nto isibulalayo ziinguqu ezenziwa qho emidlalweni. Okunye apha kubadlali bethu ababonakalisi mdla xa bedlala. Abanayo into ebonakalisayo ukuba bazimisele ukulwa.

NT: Njengomthandi weChiefs, uyinqwenelela ntoni kule sizini?

PM: Ndiyinqwenelela impumelelo yodwa, yanga abadlali bethu bangazimisela xa bedlala; babonakalise ukulambela impumelelo. Kungakuhle xa benokuxolisa abalandeli beKhosi nokuba kungendebe enye kule sizini. Nathi balandeli ingase sixhase iqela lethu ngamaxesha onke.

NT: Nibethwe yiPirates kathathu imidlalo ilandelelana, konakele phi Makhosi?

PM: Ukungazimiseli kwabadlali, iimpazamo ezenziwa ngabadlali bethu ngakumbi abadlala ngasemva – zezo zinto ezisibethisa ngePirates. Nendlela umqeqeshi achonga ngayo abadlali iyasibethisa. Kukho abadlali ongenakukwazi ukubashiya ngaphandle xa udlala nePirates njengoBernard Parker ngenxa yamava anawo.