UMlota uxub’ intsini nesakhono kuTwitter

AMAQONGA ezonxibelelwano afana noFacebook noTwitter, yindawo yokonwaba nokugqamisa izimvo kuphela kwabanye, kodwa kuAzola Mlota la maqonga yindawo yokukhulisa isakhono futhi uzenzele noshishino, ukwenza oko ngokonwaba noluntu.

UMlota (25) ulandelwa luninzi kuTwitter, abalandeli abakumawaka alikhulu elinesibhozo (108 000) ngenxa yendlela azigqamise ngayo.

Ukubhala nje into encinane enesiqhulo, emalunga neenzingo okanye imingeni ejongene nabantsundu, kubuya imvula yezimvo – kuqhulwa naye, kube ecaleni kufundiswana ngalo mba abhale ngawo.

Oku kubangela ukuba uMlota, inzalelwane yaseKhowa (Elliot) kweli leMpuma Koloni, agqame ukodlula oosaziwayo kuTwitter.

Ngokwamanani wabalandeli kuTwitter, uMlota uyabodlula oosaziwayo abafana nosopolitiki uMalusi Gigaba (90 000), obesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo uLucas Radebe (83 900) kwanoNdaba Mandela (20 000).

UMlota uthi uthando lwakhe lwamaqonga ezonxibelelwano, lwaqala mhla wafika eCentral University of Technology eFreyistata, eyokufunda izifundo zonxibelelwano.

“Into endiyikhuthazayo yeyokuba ulutsha lusebenzise amaqonga ezonxibelelwano ngendlela enokubenza bakhulise izakhono zabo,” utshilo uMlota.

Ngokwenza oku, uMlota uceba ukutyelela izikolo kumasipala waseChris Hani naseOR Tambo, ukuze akhuthaze abafundi ngamakhono abanokuthi bawalandele xa befika kwinqanaba laseyunivesithi.

Ngaphandle kokuzakha kwiqonga likaTwitter, uMlota uchithe elinye lexesha eqhula nabalandeli bakhe kuTwitter. Kutshanje ubhale ngelithi: “Xa ufika nesithandwa (intombazana) sakho kwindlu yomhlobo wakho (oyindoda) okokuqala, ufike inja ingamkhonkothi. Ungene, ivele ifowuni yakhe (intombazana) ingene ngqo kwiWIFI yendlu [le yalapha].”