‘Umlungu uthi ndifana nootsotsi’

UMthuthuzeli Mbanda utyhola owayesakuba ngumqeshi wakhe ngokumfanisa nootsotsi Umfanekiso: BHEKI RADEBE

XA uMthuthuzeli Mbanda wayexelela umphathi wakhe ongumlungu ukuba woyika ootsotsi xa evuka ngentseni eZiphunzana ehamba umgama omde eyokulinda imoto eza kumsa eNxarhuni, waxelelwa ngulo mlungu ukuba akafanelanga koyika ootsotsi kuba ufana nabo.

“Bendisebenza kwinkampani iIndependent Group [inkampani yemigangatho nezakhiwo] ndiqhuba iloli yaphaya, kwafumaniseka ukuba masitshintshwe kuba kukho uqhankqalazo kubasebenzi abebesebenza kwikwari eseNxarhuni,” utshilo uMbanda.

“Ngokwezigqibo, kuye kwathiwa ndiza kuthathwa ngemoto yomsebenzi ukusuka eZiphunzana ukuya eNxarhuni. Yenzeke usuku lwalunye lo nto, emva koko kwathiwa mandivuke ngentsimbi yesihlanu kusasa eZiphunzana ndiye ngenyawo ngasendleleni ekumgama othe qelele endlini,” kutsho uMbanda.

UMbanda (45), nongutata kubantwana abathathu, uthi wacingela ubomi bakhe nobosapho lwakhe kuba kudala esiva izigigaba zokutsotswa kwabantu abavuka ekuseni, ingakumbi ebusika nanjengoko intsimbi yesihlanu kusasa ibetha kusemnyama.

“Emva kokuba bethethe oku, ndabaxelela ukuba ndicela ukubuyela kumsebenzi wam wangaphambili eWilsonia, kuba baninzi ootsotsi abakhuthuza abantu ngeli xesha bathi mandivuke ngalo. Ndandisoyikisela ubomi bam kuba abantu bayahlatywa nokuhlatywa kula ndlela babesithi mandiyihambe ngenyawo.

“Ukundiphendula lo mlungu wathi akukho mfuneko yoba ndoyike ootsotsi kuba ndifana nabo, esithi bamnyama njengam,” utshilo uMbanda.

UMbanda uchaze lo mlungu njengoTerence esithi akayazi ifani yakhe.

“Ndamxelela lo mlungu ukuba andiyithandi le nto yokuba athi ndifana nootsotsi, wathi yena akukho ngxaki kulo nto. Ndaya kwaCCMA ndayokubika le nto, emva kokuba bendinqumamise emsebenzini kuba besithi ndidelela lo mlungu, kodwa ityala lam alizange lihambe ngendlela, endaweni yoko uCCMA wabeka mna ityala esithi ndidelela lo mlungu,” utshilo uMbanda.

UMbanda ufumene umsebenzi omtsha kwaye uthi wonwabile kuwo. “Kodwa kukho into engandixolisiyo apha emphefumlweni, le yokuba kuthiwe ndifana nootsotsi.”