Ummi waseCongo ugwetywe ubomi ngokudlwengula

Inkundla yengingqi yaseMthatha igwebe ummi waseCongo oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala, uCoki Chicha Juslain, isigwebo sobomi emva kokudlwengula owasetyhini ngo2020.

Ngokwengxelo yamapolisa, le ndoda yaseCongo yakhwelisa inkosikazi eyayicela ukukhweliswa ngomhla wama27 kweyeDwarha ngo2020 eyayisingise eMthatha isuka eMqanduli, yaza yamthembisa ngomsebenzi kwivenkile yayo eVidgesville. Bavumelana ukuba baza kudibana ngengomso.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, uthi, ngomhla wama28 kweyeDwarha ngo2020, ixhoba laya kwivenkile yale ndoda, lathi lakufika lavalelwa kwigumbi elinesango elenziwe ngentsimbi (burglar bars).

“Wamdlwengula waza wamgrogrisa ngemela. Ixhoba lakhululwa emva kokudlwengulwa laze laya kwisikhululo samapolisa eMthatha lavula ityala lokudlwengula.

“Wabanjwa ngomhla wama27 kweyeNkanga ngo2020 wabekwa ityala lokudlwengula waza wavela okokuqala kwinkundla kamantyi yaseMthatha ngomhla wama30 kweyeNkanga ngo2020,” utshilo uMatyolo.

Le ndoda yayalelwa ibheyile yagcinwa eluvalelweni. Uvele izihlandlo ezininzi kwinkundla kamantyi, laza ityala lakhe ladluliselwa kwinkundla yengingqi ngomhla we9 kuTshazimpuzi ka2021.

UCoki Chicha Juslain ugwetywe ubomi entolongweni yinkundla yengingqi yaseMthatha ngomhla wama27 kweyeThupha kulo nyaka u2024.

UMkomishinala wesithili saseOR Tambo, uMajor General Phumzile Cetyana, usamkele isigwebo wavuyisana nomcuphi weli tyala uSergeant Mhlabukutshiwe ngokugwetywa kwale ndoda nokuqinisekisa ukuba iyasuswa ekuhlaleni.

“Oku kuthumela umyalezo ongqongqo nesifundo kubaxhaphazi ngokwesondo ukuba ezi zenzo zokuxhatshazwa kwabantu abasesichengeni azinakuze zinyamezeleke,” utshilo uMajor General Cetyana.