UMndende Lixoki Nje Elidinga Into Yokwenza

KwekA Canzibe inkosi yesizwe samaMfengu uNkosi Manduleli Bikitsha waseNtshatshongo ebenika umkhomba-ndlela, ecacisa ngezizwe eziNtsundu ezikhe zeyama ngomLungu ngaphambili kwiimfazwe zazo zamzuzu nezinye izizwe eziNtsundu.

Ndiye ndanovuyo ndimncoma umhlekazi omhle neenyawo zakhe ngokususa iintongo kubantu bakuthi bokukhombana esweni ngezinto ezingazikusisa ndawo zokuthukana ngokuthengisana koobawo bethu bamandulo. Imbali yona phofu ihlala ihleli ayinakujikwa mntu.

Ngaba abantu bayazi ukuba zonke iintsuku zeveki amaNgesi azithiye ngezithixo ayezinqula ngaphambili? Uhlanga olwaziwa namhlanje ngokuba ngamaNgesi olwasekwa mandulo kwezi zizwe iiAnglo, iiSaxons, neJutes ezaziphuma eJamani, zaza zaya kuhlasela eBritane apho kwakuhlala amaWelsh, amaIrish namaSkotshi, olu hlanga lwalukholelwa kwizithixo. Iintsuku zeveki amaNgesi azithiye ngohlobo oluhlonipha izithixo zawo, awayekholelwa kuzo mandulo. Ngolu hlobo:

Monday – Babekholelwa ekuthini inyanga (moon) sisithixo esigama linguMoon, baze usuku lwangoMvulo balithiya ngegama lesi sithixo bathi yiMonday.

Tuesday: Babekholelwa kwisithixo sabo ekuthiwa nguTiu, uThixo wemfazwe nesibhakabhaka, baze usuku lwangoLwesibini bathi yiTuesday.

Wednesday: Babekholelwa nakwisithixo ekuthiwa nguWoden, owayesaziwa ngokuba yinkosi yooThixo, baze bathi usuku lwangoLwesithathu yiWodin’s Day (Wednesday ngoku).

Thursday: Bekholelwa kwisithixo esibizwa ngokuba nguThor, esasisaziwa ngokuba sisithixo selanga, baze usuku lwangoLwesine bathi Thursday;

Friday: Babekholelwa kwisithixo esibizwa ngokuba nguFria, esasisaziwa ngokuba sisithixo esiyinkosikazi yesithixo uWoden, baze usuku lwangoLwesihlanu bathi yiFriday.

Saturday: Babekholelwa kwisithixo samaRoma esibizwa ngokuba nguSaturn, baze bathiya ngaye usuku lwangoMgqibelo bathi Saturday.

Sunday: Babekholelwa kwisithixo esibizwa ngokuba nguSun, isithixo selanga, baze bathiya ngaso usuku lwangeCawe.

Inkolelo yesizwe samaNgesi kwezi zithixo yabhujiswa kukufika kwenkolo yobuKrestu igubungele elo lizwe. Inkolelo yamaNgesi kwezi zithixo isashiyekile kumagama eentsuku zeveki kuba yimbali ebonisa apho amaNgesi aphuma khona.

Xa namaNgesi esagcine imbali yezithixo zawo sele eguqukele kubuKrestu, ebengobani na wona amaMfengu ukuba akangeyigcini imbali yezifungo zawo?

Kukho into ebesisibhidi kwinqaku eliphume kwiphepha lesiNgesi lalapha eMpuma Koloni ngosiba likaGqr. Nokuzola Mndende elithi, “Know African History and Identify Before Reviving Mental Colonialism” ngoLwesithathu umhla wama-24 Canzibe 2017. Likhutshwa nguGqr. Mndende ongazaziyo nokuba ufuna ntoni ebomini. UMndende lo ebegxeka inyathelo lamaMfengu lokugcina imbali yawo. Esithi kwa eli gama lingu “amaMfengu” alikho, ngabaMbo.

Ngubani kanene uGqr. Nokuzola Mndende? UGqr. Nokuzola Mndende lixoki nje elidinga into yokwenza elingahloniphanga noMgaqo-siseko lo woMzantsi Afrika omtsha, emasangweni e-ofisi zakhe zeCAMAGU ubhale makungangeni maKrestu.

UGqr. Mndende ufana nje nala mfundisi wayegushe ibhotile yebranti ngaphaya kwepulpiti emana esithi emarhamenteni, ndiza kumana ndivela ndiphinde nditshone, xa erhabula.

Ndaqala ukumazi ugqirha lo ngoka-1989 xa sasingabahlohli eBonkolo S.S.S. eDutywa phantsi kwenqununu uMzolisi Hanise. Wafika esikolweni eyincakuba yengcali kwizifundo zeBHAYIBHILE awayezikhethe ngokuzithanda eUnitra. Wahlohla abantwana iBhayibhile unyaka wonke ngethuba ndiphaya eBonkolo ngo-1989 engazange athethe ngoQamata. Emva ko-1989 waya kugqibezela izifundo zeHons. BA eUnitra apho kuphando lwakhe wayexoxa ngoHerode, kungekho nento encinci ethetha ngoQamata. Iyothusa ke ngoku eyokumbona sele elutshaba olukhulu labantu bakaYehova abangamaKrestu. Ukhomba indlela aphinde ajike.

Inkolo kaNtu uGqr. Nokuzola Mndende uhlangene nayo eyunivesithi eKapa ngethuba ecetyiswa ngabahlohli ngeenkalo ezinamathuba empangelo kuMzantsi Afrika Omtsha okhululekileyo.

Le nto ndiyayazi andiyifuniseli. Wazinyakathisa kwelinye lamajelo osasazo waze wanikwa inkqubo kwisikhululo sosasazo endingazi kusibiza ngegama. Apho kuso ngoka-1999 wadala unomji nengxabano nabaphulaphuli abangamabhinqa ngomba wabantwana abazalelwa ekhaya. Wathi akuva shu ziyamdumela wabalekela kum ndayokumlungiselela inkqubo yakhe. Emva koko ndacelwa ngumphathi weso sitishi ukuba mandivele qho kanye ngeveki kwinkqubo yengxoxo ndinike umkhomba-ndlela ngeziduko, unqulo, amasiko nezithethe. Ngokwenene oko ndakwenza ukususela ngo-1999 ukuya kuthi ga ku-2009, ndingakwenzi noMndende.

Ndizokothuka mna sendimkile kweso sitishi, xa ndifonelwa ngomnye wabalandeli bam esithi nanku uMndende epapashe incwadi yeziduko efana nqwa nencwadi yam endayipapasha ngo-2003. Nam ndayokuyithenga loo ncwadi yakhe ndafika ndayibona, ndafika iyincwadi yam ngesakhiwo kujikwe nje izinto ezincinci. Ndanikina intloko ndathetha ndedwa, “Kanti uGqr. Nokuzola Mndende ukwalisela eliba ingqondo zabantu? Nezitatanyiswa zezifundiswa ezifunde zade zayityekeza ziba izimvo zabantu kweli xesha lalo Mzantsi Afrika ukhululekileyo. Azi sokhululwa ngubani? Shu sakuyicela ivuthiwe!”

Ningazihoyi iintetho zakhe sizwe samaMfengu, ufana nalathikoloshe kuthiwa wagxothwa ngeziwasho ngamaziyoni wakhalaza wathi ninomona maziyoni nangesiyezi.