
IVUMBA elinganyamezelekiyo lomnenga (whale) otyekezwe lulwandle lwase-Eastern Beach eMonti, alukhange lulunqande uluntu lwesi sixeko ekuzeni kuzibonela le ntlanzikazi ngenjikalanga yangoLwesine.
Lo mnenga, okubude beemitha eziphaya kwishumi elinesihlanu (15 metres), utyekezwe lulwandle kwaye uneempawu zezigqobho ekukholeleka ukuba ngamanxeba kakrebe.
Akukacaci nokuba lo mnenga ubulewe ngookrebe okanye uzifele kusini na.
Ngenxa yokuxaba kwalo mnenga e-Eastern Beach, abaqubhi kunyanzeleke ukuba bacelwe bangaqubhi elwandle. Oku kungenxa yokuba xa kukho ivumba lo mnenga, amathuba okulobeka kookrebe elunxwemeni maninzi kakhulu.
Abahlali baseMonti bebephethe iifowuni zabo bethabatha imifanekiso nemiboniso bhanya-bhanya yalo mbono unqabe kunene.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?