Umngcipheko ojongene namakhwenkwe aseBhisho

Amakhwenkwana aseSikhobeni eBhisho edlala kwindawo yokulahla inkunkuma engagunyaziswanga umfanekiso: sithandiwe velaphi

KUNGENTSENI yangoLwesihlanu, izikolo zivaliwe. Lixesha apho abantwana kufaneleke ukuba bakwiiholide okanye bayadlala, kodwa akunjalo kumakhwenkwana aseSikhobeni eBhisho.

Rhoqo ngooLwezihlanu, xa ingesosikolo, avukela kwindawo yokulahla inkunkuma engekho semthethweni ekwindlela esuka eBhisho Park isiya kwindawo yoqeqesho lwamapolisa eBhisho okanye kwilali yaseSikhobeni.

Xa uhamba ngale ndlela kukho idolo apho uye ugagane nale ndawo yokulahla inkunkuma. Xa usekude ungafunga ukuba kukho bhokhwe zithile ngenxa yobuninzi beeplastiki kwelo thafa.

Xa usondela kufutshane ugangwa yinqwaba yenkunkuma, wena pilisi, wena machiza, wena zincwadi, wena munqela yokutya okudala.

Xa iqela lephephandaba I’solezwe lesiXhosa belisondela kufutshane, lifumene iqela lamakhwenkwe amane, aphakathi kweminyaka esibhozo nelishumi, behleli kule ndawo bemana ukuthsiphizelana ngamanzi abawafake kwisixhobo sokuseza ngeyeza iigusha neebhokhwe.

Xa iqela libabuza ukuba kutheni besenza lo nto, bavele bahleka bayibetha ngoyaba le nto yalo mdlalo wabo besithi yindlela nje yokulinda ukufika kweemoto ezizokothula izinto.

Bathi bathanda uLwesihlanu kuba kulapho kufika izinto zizokulahlwa.

“Qho xa kuphuma isikolo ngooLwezihlanu siye sikhawuleze siye etipini, kuba siyayazi ukuba kukho izinto ezintsha ezilahlwayo xa kungoLwesihlanu. Xa ingesosikolo ngoLwesihlanu sivukela apha. Sifumana izinto ezifana neephefyum, iinkuni, iincwadi kwanezinto zokudlala,” itshilo enye yala makhwenkwe.

Xa I’solezwe lesiXhosa libangcambazisa badize ukuba ezinye zezinto abazifumana kule ndawo bazisa kumakhaya wabo. “Kukho neepilisi apha. Into xa siyibona ukuba ilungile siyayithatha futhi asingxoliswa ngabazali bethu,” kutsho enye inkwenkwana.

Kunyaka ophelileyo, ikomiti yeSebe loPhuhliso lwezoQoqosho, imiCimbi yezeNdalo kwanezoKhenketho kwiPalamente yephondo eBhisho, ithe yatyelela iindawo zokulahla inkunkuma koomasipala abathathu eBuffalo City, eNxuba Yethemba naseWalter Sisulu apho yaqaphela ukuba kukho ukophulwa kwemithetho elawula ezendalo.

Ngenxa yoku, le komiti igqibe kwelokwenza ingxelo ukuze kuthunyelelwe iGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) ngeenjongo zokuba kuqutyiswane ngokwezomthetho namagosa kamasipala achaphazeleka koku.

Isithethi sikamasipala waseBuffalo City, uSamkelo Ngwenya, akakhange aphendule kwimibuzo ebithunyelwe kuye liphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngoLwesibini.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za