Umngcwabo waseburhulumenteni kumam’ uSobukwe

UZondeni Sobukhwe ekunye negqala likaPoqo uMpolose Mangqangwana ngethuba wayesesibhedlele eMidlands eRhafu Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba umama uZondeni Veronica Sobukwe (91) uza kungcwatywa ngokwaseburhulumenteni.


URamaphosa ukubhengeze oku emva kweendaba zokubhubha kweli qhawekazi ngentseni yangoLwesithathu kulandela ukukhathazwa yimpilo ixesha elivisayo.


Iwonga lokungcwatywa ngokwaseburhulumenteni linikwa abantu abathile, ngenxa yegalelo labo entlalweni yoluntu. Oku kuthetha ukuba zonke iindleko zomngcwabo kwaneemfanelo ezenziwa xa kungcwatywa amagorha namagorhakazi, uza kuzifumana umama uSobukwe.


Ikhaya lakwaSobukwe libhengeze umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga njengosuku lomngcwabo oza kubanjelwa eRhafu. 


Kule dolophu yaseRhafu kulapho alele khona umyeni kamam’ uZondeni, uRobert Mangaliso Sobukwe.


Athe gqolo ukuphokoka amazwi ovelwano emva kokubhubha kweli gorhakazi.

URamaphosa ukwayalele ukuba iiflegi zoMzantsi Afrika, kwilizwe liphela, kufuneka zindandele phantsi ngosuku lokungcwatywa kweli qhawekazi.