Umngcwabo waseburhulumenteni kwigqala lomzabalazo

SOTHULELWE umnqwazi isigqibo sikarhulumente weli sokunika igqala loMkhonto Wesizwe uDumisani Mafu umngcwabo waseburhulumenteni wephondo.

UMafu usutywe kukufa ngomhla weshumi kule nyanga emva kwengulo yexeshana. Ngolwesihlanu umongameli weli uJacob Zuma umemelele ukuba makanikwe umngcwabo waseburhulumenteni. Uzakungcwatywa ngomgqibelo esikhangele kuye.

UZuma uyalele ukuba iiflegi zinyuswe zimiswe esiqingatheni ngemini yomngcwabo kaMafu. Obethethela oogxa bakhe uMike Hala uthe, “Yeyona ndlela ifanelekileyo yokukhapha uMazola leyo, emva komsebenzi ongaka esilwela inkululeko yeli lizwe.” Ukwathe, “Sivuya kakhulu singoogxa bakhe, ngowokuqala kwabo sithe sasebenza nabo ukunikwa le mbeko.” OkaHala uthe, uMafu bayohlala bemkhumbula njengejoni, nenkokeli asebenze nayo ukususela ngo1982 eAngola, nobehleli engugxa wakhe de wasutywa kukufa.

“Wayeyinkokeli yenkampu ukudibana kwam naye eAngola, la nkampu sasiyibiza ukuba yiYunivesithi kuba kulapho sasifunda khona ngeendlela zokulwa singumkhosi.” Uqhube wathi, “Ngo1983 wasishiya wayofumana uqeqesho kwilizwe elalisakuba yiSoviet Union, esele liyiRashiya ngoku, emva kokuba ebuyile nam ndayofumana uqeqesho kwiMpuma yeJamani, yayililizwe elizimeleyo ngoko.”

Ukwamchaze njengendoda ebiqhula kakhulu xa konwatyiwe kodwa ekwangumntu onoluleko. “Ukuba ebenokuthetha, ngesiyalela ukuba sikhankase ngokusweleka kwakhe, njengoko ilixesha lonyulo,” uthethe watsho okaHala. UMafu ubengusihlalo weANC wokuqala eMpuma Koloni, ngo1994, emva kokuba lo mbutho uvulwe umlomo.

Lo mbutho uzakubamba isikhumbuzo seli gqala ngolwesibini eBhiso. UMafu uzakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwikhaya lakhe eliseFort Malan kuGatyana.