Umngcwabo weentwazana ezimbini eNgqushwa!

 

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uSiphokazi Lusithi, uhlabe ikhwelo kwabezomthetho, esithi ingalo yomthetho mayibe luqilima kwaye nezigwebo zibe qatha kwabo bathe gqolo ukuphatha gadalala amanina kwakunye nabantwana.

ULusithi ukuthethe oku kule veki ngethuba esomeleza usapho lakwaSingqoto kwilali yaseBinqala eNgqushwa, olugetyengelwe ngokungenalusini abantwana ababini abangamantombazana.

Ezi ntwazana zigetyengiweyo, enye ibineshumi elinesibini (12) leminyaka ubudala, ze enye ibe neshumi elinesihlanu (15). Ngokwengxelo, bafunyenwe ngentseni yangoMvulo kwiveki ephelileyo sele bebhubhile kwaye kuxhaphe igazi kwindawo le imizimba yabo ilele kuyo.

Bafunyenwe besikwe imiqala, omnye kubo enganxibanga nekubonakala ukuba uqale ngokudlwengulwa. La maxhoba afunyenwe kwindawo efukufuku kude kufuphi nekhaya, labe elinye lilaliswe phezu kwelinye.

ULusithi uthi beliSebe ziyabaxhalabisa izenzo ezithe gqolo zokubulawa kwabantwana. Ukwabongoze abahlali ekubeni bayilwe kangangoko into yokuxhatshazwa kwabantwana namanina.

Ngokwengxelo yamapolisa umrhanelwa ebengekabanjwa ngethuba sipapasha. Amapolisa abongoze nabani na onokuthi abone umrhanelwa okanye onolwazi akhawuleze atsalele amapolisa.

Umrhanelwa lo ibiyindoda engumelusi wemfuyo kweli khaya kwaye engabonakali njengamntu unobungozi kwaye ebenobubele ebantwaneni.

Amaxhoba abekwa kwikhaya lawo lokugqibela ngomso (Lwesihlanu) eNgqushwa.