Oku kuza emva kokuba isebe liye lakhweba iinzululwazi zeYunivesithi iRhodes ukuba zivavanye umlinganiselo wotywala kwiisanithayiza zezikolo zaKwaBhaca kulandela izikhalazo zokuba azikho semgangathweni.
Le sanithayiza ibiziswe kwesi sikolo yiMkhiva Trading, litshilo iSebe lezeMfundo.
Iziphumo zolu vavanyo zifumanise ukuba eminye kwimilinganiselo yotywala kwezi sanithayiza ukumyinge we-4%. Oku kuyakhabana nemigqaliselo ebekwe ngabasemagunyeni nanjengoko umlinganiselo wotywala kwiisanithayiza zokubulala iintsholongwane kufuneka ubeku-70%.
“Le nto yenziwe ngulo mnikezizinkonzo (Mkhiva Trading) ilihlazo futhi uswele ukuhlonela. Ukungakhathali kwayo nomsebenzi ongagqibelelanga kubeke ubomi babantwana nootitshala engozini,” utshilo uMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade.
Izikolo ezichaphazelekileyo ziquka iLilitha Senior Primary School, Nqontosi Senior Primary School, Cwalinkungu Primary School, Mbodleni Senior Secondary School, St Georges Senior Secondary School.
UGade uthi le mingxengwa yeesanithayiza ikhutshiwe kwezi zikolo ze kwafakwa esesimeni. Isebe likwiinzame zokukhonkxa intlawulo eya kwiMkhiva Trading nakwezinye iinkampani ezenza umsebenzi ongagqibelelanga.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma