Umnikazi wethaveni, 45, wakuKomani ubanjwe emva kokuba ezame ukunyoba amapolisa ukuze amvumele avule ithaveni yakhe emva kweeyure zokusebenza ezivumelekileyo.
Oku kutyholwa ngokuba kwenzeke ezinzulwini zobusuku ngoLwesithathu, ngomhla weKrisimesi. Ngokwengxelo kaKapteni Yolisa Mgolodela, amapolisa ebeqhuba iphulo lawo lesiqhelo lokujikeleza ukuthintela ulwaphulomthetho xa athe adibana nethaveni isavuliwe ezinzulwini zobusuku.
“Amapolisa ayalela umnikazi wale ndawo ukuba ayivale le thaveni ukuze abantu bemke,” utshilo uMgolodela.
UMgolodela uqhube wathi amapolisa alinda ukuba umnikazi avale le ndawo. Lo mnikazi wethaveni kutyholwa ukuba uye waya kumapolisa awayelinde kwisithuthi samapolisa ezama ukuwenza ukuba amkele imfumba yemali ukuze ithaveni yakhe ingavalwa – nto leyo amapolisa angazange ayivume loo nto.
Lo mnikazi wethaveni kutyholwa ukuba uwise le mfumba yemali ngaphakathi kwisithuthi samapolisa ukuze abenze bamkele isinyobo.
Emva koko amapolisa aya kwisikhululo samapolisa ukuya kuvula ityala lokunyoba waza umrhanelwa wabanjwa.
UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph uncome eli qela ngokwenza umsebenzi walo ngentembeko, ngaphandle koloyiko okanye umkhethe ngoko ke libonisa into entle ngamapolisa.
Umrhanelwa uza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi kuKomani ngoLwesihlanu umhla wama27 kweyoMnga 2024.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!