Umnikelo Oshiswe – Ibandla lomlindo Umsebenzi wobugcisa kaKhanyisile Mbongwa

Khanyisile Mbongwa

Kule veki iphelileyo, abantu abathe batyelela uMnyhadala wezobuGcisa kaZwelonke, eRhini bafumane ithuba lokuzibonela umsebenzi wobugcisa ongaqhelekanga wentokazi ebihamba phantse nqunu ingqisha phakathi kweebhayibhile ezityhilelwe kwizahluko athi ziyuca amabhinqa.

Emva kwemizuzo engamashumi amathathu exhentsa ephinda-phinda intetho ethi “Wenjenje uThixo ukulithanda ihlabathi!” “Bawo wethu osemazulwini, Bawo wethu osezulwini!” Ndlela le sothuke ngayo, sigqibe kwelokuba simkhwebe simhlabe ngodliwano-ndlebe:

I’solezwe (IS): Khanyisile, yinto le? Isuka phi?

Khanyisile Mbongwa (KM): Lo ngumnikelo oshisiwe ngabula iminikelo emihlanu ekwibhayibhile. Pha koka-2013 ndaqala ukusebenza ngezinto zomnikelo kumsebenzi wam wobugcisa. Ndikwaqwalasele nokufa kukaYesu; igazi likaYesu zange lisihlambulule sonke ngoba kusekho abacinezelekileyo kulo mhlaba. Ndigqiba kwelokuba, mna ke ndiyazinikela ngale nto ndinayo – umzimba wam. Ukuze abantu bakuthi baxoleleke. Thathani ke nanku umzimba, ndiyazinikela.”

IS: Ngoku, kutheni udandalazise iibhayibhile ezingaka phantsi? Kwenzeka ntoni?

KM: Ezi bhayibhile zivulwe kwizahluko ezithetha ngabafazi, ngamabhinqa.

Kwaye zizinto ezityeshela igama lamabhinqa. Ndinethemba lokuba abangena kweli gumbi bakuzifunda. Umzekelo kukho isahluko esithetha ngokuba xa intombi nto idlwengulwe ngumfana, umfana uyakwazi ukuya kwitata yentombi ayokukhupha imali okanye inkoma atshate le ntombi. Lilonke itshata isidlwengu sakho! Esinye isahluko sithetha ngokuba xa umntu olibhinqa ezele umfana umdaka, kodwa uba mdaka ngakumbi xa ezele intombi ngoko ke kufuneka azicoce. Kwa nto ayibambayo kuthiwa imdaka. Zininzi, nazi phantsi apha, ndizityhilile.

IS: Yima ke. Lilonke uyayikhaba ibhayibhile? Zithini kanye kanye izimvo zakho ngenkolo yobuKrestu?

KM: Unzima ke lo mbuzo. Nam ndikhululele kwindlu yabaKrestu. Ekhaya kugcwele abefundisi! Bobunzima kanye kanye obu ndizama ukubugocagoca ngalo msebenzi wam wobugcisa kweli ziko. Into eyenzekayo kwezintsuku yeyokuba sibona imvuselelo yabantwana abantsundu. Oomama bethu noomakhulu bethu kwafuneka balahle izinto zesiNtu, bangene kwinkolo yobuKrestu bazokukwazi ukungena kwizinto zabelungu. Ngoku kukho ababantwana bazalwe ngee80s, aba bamane kusithiwa banobu-Afrika gqithi; kanti hayi, ngabantu bakowenu, badiliza idonga.

Kunzima, ngoba azasi ukuba ulwazi lwezinyanya zethu singalufumana phi ngoba aba basizalayo bona baqhawula unxibelelwano nabaphantsi. Ngoku sibona abantu sebeleqa kwizinto ezifana nokuba ziiSangoma, ngamagqirha, ziinyanga.

IS: Lilonke uthetha ngobizo ngoku?

KM: Ewe. Kodwa, ubizo zizinto ezininzi. Le mvuselelo yenzekayo nabantu abathi bayathwasa abaninzi; uninzi lwethu sithi singamagqirha nayo yonke lo nto kanti hay! Siyavuswa ukuba masikhumbule ukuba ikhona into esiyilibeleyo. Kuwiswa idonga eli lalonyuswe zizisukulwana ezimbini eziza phambi kwethu. Siyavuswa! Mna ndinethamsanqa lokuba ndisebenza ngezinto zobugcisa ngoko ke ndiyakwazi ukuzibhentsisa ezi ngxaki ngobuchule obufana nalo mnikelo oshisiwe wam.

IS: Bathini kokwenu ngalo msebenzi wakho? Abakuboni njengomhedeni?

KM: Ngoku ndandiqala lo msebenzi ndaxabana nabantu abaninzi endlini. Azange sithethe into engangeenyanga ezintathu nomama wam asakubona omnye usebenzi wam okwasebenzisa ibhayibhile njengesixhobo esicinezela amabhinqa. Wayenomsindo umama wam!

IS: Lilonke ulwela amalungelo amanina? UliFemanisi?

KM: Inzima ke le nto yobuFemanisi! Oomama noomakhulu kudala babangamafemanisi; kudala balwela ubunina babo nenkululeko yabo. Ndikhuliswe ngumakhulu. Zininzi izinzi izinto endizifundiswe ngumama. Ubufemanisi bezifundiswa ke bona yinto apha elungiselelwe abafazi abamhlophe, hayi abantsundu. Lilonke, ewe, ndingumFemanisi.

IS: Siyakuva. Unqabile umsebenzi wezobugcisa ofana nowakho, ingakumbi apha eMpuma Koloni. Sinneyunivesithi ezine kweli phondo kodwa abangeni nzulu kangaka abafundi kule miba ungena kuyo. Ungathini?

KM: Mna ndafunda iSociology eStellenbosch, ngoku ndenza iiMasters kwiFine Art. Ndazifundisa ezobugcisa. Amaziko emfundo aphakamileyo, afana neeyunivesithi, adalelwe ukukufundisa. Bakubonisa nje ukuba usebenzi wenziwa njani, ngantoni, phi, njalo-njalo. Abakufundisi ukuzicingela. Leyo ikuwe. Ingxaki ilapho, kwezizikolo zobugcisa neeyunivesithi ngokubanzi abantwana abafundiswa zakhono zokushishina, zokuzithengisa. Ngoku xa uphuma pha kufuneka uthini?

Kufuneka ifakwe kwizifundo zonke into yokushishina nokuzithengisa.