Umnqa kuxhwilwa umninawa kaBuyelekhaya Dalindyebo

Umninawa kaKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, uNkosana Mankunku Jongisizwe Dalindyebo, uxhwilwe ngamadoda angaziwayo eMthatha UMFANEKISO SIYANDA JANTJIES

Umninawa weKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo osentolongweni uxhwilwe ngamadoda amane axhobe ngemipu eMthatha izolo, ngokokutsho kwamapolisa aseMthatha.

UNkosana Mankunku Jongisizwe Dalindyebo uxhwilwe ngala madoda angaziwayo wafakwa emotweni. Iingxelo zithi ukwazile ukutsalela umnxeba igqwetha lakhe uMatthew Mpahlwa, esithi ucela uncedo kodwa laphinda laqhawuka olonxibelelwano.

Isithethi samapolisa aseMthatha uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi esi sehlo senzeke malunga necala emva kwentsimbi yesine malanga (16h30) ngoLwesihlanu. “Amapolisa aphantsi phezulu ekhangela yena kwakunye nabo bamxhwilileyo,” utshilo uFatyela.

UNkosana Jongisizwe ebengavisisani kwakunye nonyana kaKumkani Zwelibanzi, uNkosana Azenathi Zanelizwe Dalindyebo, malunga nofanele ukubamba kubukumkani nanjengoko iKumkani isadontsa isigwebo entolongweni.

Okungavisisani kude kwabangela ukuba uNkosana Jongisizwe ase le nyewe kwiinkundla zomthetho.

Iqela labaThembu elixhasa uNkosana Jongisizwe lisamile kwelokuba yile nkosana efanele ukubamba kubukumkani kuba libanga ngelithi uNkosana Zanelizwe wazalwa ngaphandle komtshato. Kananjalo, iqela elixhasa uNkosana Zanelizwe limile kwelithi ngunyana kaKumkani Zwelibanzi ofanele ukubamba kuba unina, uKumkanikazi NoCollege Dalindyebo, walotyolwa yiKumkani.